-
Mateyu 8:14-17IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
-
-
14 Wathi uYesu xa efika endlini kaPetros, wabona umkhwekazi kaPetros+ elele, ephethwe yifiva.+ 15 Wambamba esandleni+ yaza yaphela ifiva. Emva koko lo mfazi waphakama wamenzela ukutya. 16 Kuthe ke kwakuhlwa, abantu bazisa kuYesu abantu abaninzi abaneedemon; wazikhupha ngokuziyalela nje, waza wabaphilisa bonke ababengcungcutheka, 17 ukuze yenzeke into eyathethwa ngumprofeti uIsaya esithi: “Wazithathela kuye izigulo zethu, wathwala nezifo zethu.”+
-