28 Ufikile eAyati;+
Udlule eMigron;
Ushiya imigodlo yakhe eMikimashe.+
29 Bawele izibuko;
Bachitha ubusuku eGebha;+
IRama iyangcangcazela, iGibheya+ kaSawule ibalekile.+
30 Khala kakhulu ntombi yaseGalim.
Mamela Layisha!
Wena Anatoti+ elusizana!
31 IMademena ibalekile.
Abemi baseGebhim bakhangele ikhusi.
32 Ngale mini uza kuma eNobhi.+
Uyilingisa ngenqindi intaba yesixeko saseZiyon,
Induli yaseYerusalem.