INdumiso 9:8 IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha 8 Uza kuwugweba ngobulungisa wonke umhlaba;+Uza kuziwisela izigwebo ezisemthethweni iintlanga.+ INdumiso 58:10, 11 IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha 10 Ilungisa liza kukuvuyela ukubona le mpindezelo;+Iinyawo zalo ziza kugxampuza egazini labenzi-bubi.+ 11 Ngoko abantu baza kuthi: “Ngokuqinisekileyo kunomvuzo ukuba lilungisa.+ Kukho uThixo ogwebayo emhlabeni.”+ INdumiso 85:11 IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha 11 Ukuthembeka kuza kuntshula emhlabeni,Bona ubulungisa bujonge phantsi busemazulwini.+ INdumiso 85:13 IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha 13 Ngaphambi kwakhe kuza kuhamba ubulungisa,+Bumvulele indlela amakahambe kuyo. INdumiso 96:13 IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha 13 Phambi koYehova, kuba uyeza,*Ukuze agwebe umhlaba. Uza kuwugweba ngobulungisa umhlaba,+Nezizwana ngokuthembeka kwakhe.+ INdumiso 97:2 IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha 2 Ujikelezwe ngamafu nobumnyama;+Isiseko setrone yakhe bubulungisa nokusesikweni.*+ Isaya 61:11 IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha 11 Kanye njengokuba umhlaba untshulisa imbewuNegadi ihlumisa into etyalwe kuyo,NeNkosi enguMongami uYehovaIza kuhlumisa ubulungisa+ nendumiso+ phambi kwazo zonke iintlanga.
10 Ilungisa liza kukuvuyela ukubona le mpindezelo;+Iinyawo zalo ziza kugxampuza egazini labenzi-bubi.+ 11 Ngoko abantu baza kuthi: “Ngokuqinisekileyo kunomvuzo ukuba lilungisa.+ Kukho uThixo ogwebayo emhlabeni.”+
13 Phambi koYehova, kuba uyeza,*Ukuze agwebe umhlaba. Uza kuwugweba ngobulungisa umhlaba,+Nezizwana ngokuthembeka kwakhe.+
11 Kanye njengokuba umhlaba untshulisa imbewuNegadi ihlumisa into etyalwe kuyo,NeNkosi enguMongami uYehovaIza kuhlumisa ubulungisa+ nendumiso+ phambi kwazo zonke iintlanga.