-
2 Kumkani 18:26, 27IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
-
-
26 UEliyakim unyana kaHilekiya, uShebhena+ noYowa bathi kule Rabheshake:+ “Sicela uthethe nezicaka zakho ngolwimi lwesiAramiki*+ kuba siyalwazi; sukuthetha nathi ngolwimi lwamaYuda bekuva aba bantu baseludongeni.”+ 27 Kodwa iRabheshake yathi kubo: “Ngaba inkosi yam indithume ukuba ndiwathethe kuni nakwinkosi yenu qha la mazwi? Ngaba ayindithumanga nakwaba bantu bahleli eludongeni, abaza kutya ilindle labo baze basele nomchamo wabo kunye nani?”
-