-
Yeremiya 40:11, 12IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
-
-
11 Onke amaYuda awayekwaMowabhi, kwa-Amoni nakwaEdom nalawo ayekuwo onke amanye amazwe, eva ukuba ukumkani waseBhabhiloni uyeke abantu abambalwa bashiyeka kwaYuda nokuba ubeke uGedaliya unyana ka-Ahikam unyana kaShafan ukuba abalawule. 12 Ngoko onke amaYuda abuya kuzo zonke iindawo awayesasazeke kuzo, yaye eza kwilizwe lakwaYuda kuGedaliya eMizpa. Aqokelela iwayini neziqhamo zasehlotyeni ezininzi kakhulu.
-