19 Owu intlungu endikuyo, intlungu endikuyo!
Intliziyo yam ibuhlungu kakhulu.
Ibetha ngamandla.
Andikwazi ukuthi cwaka,
Kuba ndisivile isandi sophondo,
Ukuhlatywa kwekhwelo lemfazwe.+
20 Kuziswe ingxelo yentlekele emva kwentlekele,
Kuba ilizwe lonke litshatyalalisiwe.
Ngequbuliso iintente zam zitshatyalalisiwe,
Namalaphu eentente zam ngephanyazo.+