-
Yeremiya 8:1, 2IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
-
-
8 “Ngelo xesha,” utsho uYehova, “amathambo ookumkani bakwaYuda, amathambo eenkosana, amathambo ababingeleli, amathambo abaprofeti namathambo abemi baseYerusalem aza kukhutshwa emangcwabeni abo. 2 Aza kwanekwa elangeni nasenyangeni nakuzo zonke iinkwenkwezi* ababezithanda, bezikhonza, bezilandela, bezifuna yaye bequbuda kuzo.+ Awazukuqokelelwa, engazukungcwatywa. Aza kuba njengomgquba phezu komhlaba.”+
-
-
Zefaniya 1:4, 5IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
-
-
4 “Ndiza kolulela isandla sam kuYuda
Nakubo bonke abantu baseYerusalem,
Ibe ndiza kuyincothula neengcambu inkonzo kaBhahali kule ndawo,+
Negama lababingeleli balo thixo wasemzini kunye nabanye ababingeleli,+
5 Nabo baqubuda eluphahleni kumkhosi wamazulu,+
Nabaqubudayo, befunga ukuba bangakuYehova+
Ngoxa bekwafunga ukuba bangakuMalekam,+
-