-
2 Kumkani 24:15, 16IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
-
-
15 Wamthimba ngaloo ndlela ke uYehoyakin+ emsa eBhabhiloni;+ wathimba nomama kakumkani, abafazi bakakumkani, amagosa endlu yakhe nezikhulu zelizwe. Wabathatha eYerusalem ebathimbela eBhabhiloni. 16 Ukumkani waseBhabhiloni wawathimba onke amakroti ayi-7 000, wathimba amachule nabakhandi besinyithi* abayi-1 000, bonke bengamadoda anamandla naqeqeshelwe imfazwe.
-
-
Yeremiya 29:1, 2IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
-
-
29 La ngamazwi eleta eyathunyelwa ngumprofeti uYeremiya eseYerusalem, kuwo onke amadoda amakhulu aphakathi kwabo bathinjiweyo, ababingeleli, abaprofeti nabo bonke abantu uNebhukadenetsare awabathatha eYerusalem wabasa ekuthinjweni eBhabhiloni, 2 emva kokuba uKumkani uYekoniya+ nomama wakhe,*+ amagosa enkundla, iinkosana zakwaYuda naseYerusalem, abakhandi abangamachule nabantu abasebenza ngesinyithi* bephumile eYerusalem.+
-