Duteronomi 28:49, 50 IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha 49 “UYehova uza kunizisela uhlanga oluvela kude+ ukuba luzokunihlasela. Luza kunixhwila njengokhozi,+ yaye luza kube luthetha ulwimi eningalwaziyo,+ 50 uhlanga oloyikekayo, olungazukumkhathalela umntu omdala okanye lube nenceba emntwaneni.+ Yeremiya 5:15 IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha 15 “Ndinizisela uhlanga oluvela kude, ndlu kaSirayeli,”+ utsho uYehova. “Uhlanga ekudala lukho. Uhlanga lwakudala,Uhlanga oluthetha ulwimi ongalwaziyo,Nentetho yalo ongenakuyiqonda.+ Hezekile 7:24 IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha 24 Ndiza kuzisa ezona ntlanga zikhohlakeleyo,+ ibe ziza kuthimba izindlu zabo,+ kwaye ndiza kuliphelisa ikratshi labo bomeleleyo, neendawo zabo ezingcwele ziza kungcoliswa.+
49 “UYehova uza kunizisela uhlanga oluvela kude+ ukuba luzokunihlasela. Luza kunixhwila njengokhozi,+ yaye luza kube luthetha ulwimi eningalwaziyo,+ 50 uhlanga oloyikekayo, olungazukumkhathalela umntu omdala okanye lube nenceba emntwaneni.+
15 “Ndinizisela uhlanga oluvela kude, ndlu kaSirayeli,”+ utsho uYehova. “Uhlanga ekudala lukho. Uhlanga lwakudala,Uhlanga oluthetha ulwimi ongalwaziyo,Nentetho yalo ongenakuyiqonda.+
24 Ndiza kuzisa ezona ntlanga zikhohlakeleyo,+ ibe ziza kuthimba izindlu zabo,+ kwaye ndiza kuliphelisa ikratshi labo bomeleleyo, neendawo zabo ezingcwele ziza kungcoliswa.+