Duteronomi 28:49, 50 IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha 49 “UYehova uza kunizisela uhlanga oluvela kude+ ukuba luzokunihlasela. Luza kunixhwila njengokhozi,+ yaye luza kube luthetha ulwimi eningalwaziyo,+ 50 uhlanga oloyikekayo, olungazukumkhathalela umntu omdala okanye lube nenceba emntwaneni.+ 2 Kumkani 24:1 IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha 24 Ngemihla kaYehoyakim, uKumkani uNebhukadenetsare+ waseBhabhiloni weza kulwa naye, waza uYehoyakim waba sisicaka sakhe iminyaka emithathu. Kodwa wamjikela waza wayeka ukuzithoba kuye. 2 Kronike 36:5, 6 IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha 5 UYehoyakim+ wayeneminyaka eyi-25 xa waba ngukumkani, yaye walawula iminyaka eyi-11 eYerusalem. Waqhubeka esenza izinto ezimbi emehlweni kaYehova.+ 6 UNebhukadenetsare+ ukumkani waseBhabhiloni weza kuye ukuze ambophe ngamakhamandela amabini ekopolo, waza wamsa eBhabhiloni.+
49 “UYehova uza kunizisela uhlanga oluvela kude+ ukuba luzokunihlasela. Luza kunixhwila njengokhozi,+ yaye luza kube luthetha ulwimi eningalwaziyo,+ 50 uhlanga oloyikekayo, olungazukumkhathalela umntu omdala okanye lube nenceba emntwaneni.+
24 Ngemihla kaYehoyakim, uKumkani uNebhukadenetsare+ waseBhabhiloni weza kulwa naye, waza uYehoyakim waba sisicaka sakhe iminyaka emithathu. Kodwa wamjikela waza wayeka ukuzithoba kuye.
5 UYehoyakim+ wayeneminyaka eyi-25 xa waba ngukumkani, yaye walawula iminyaka eyi-11 eYerusalem. Waqhubeka esenza izinto ezimbi emehlweni kaYehova.+ 6 UNebhukadenetsare+ ukumkani waseBhabhiloni weza kuye ukuze ambophe ngamakhamandela amabini ekopolo, waza wamsa eBhabhiloni.+