-
Daniyeli 4:6, 7IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
-
-
6 Ndakhupha umyalelo wokuba ziziswe phambi kwam zonke izilumko zaseBhabhiloni, ukuze zindichazele ukuba lithetha ukuthini elo phupha.+
7 “Bafika ke ababingeleli abenza imilingo, amagqirha, amaKhaledi* nabavumisi ngeenkwenkwezi,+ ndabaxelela elo phupha, kodwa abazange bakwazi ukundichazela ukuba lithetha ukuthini.+
-
-
Daniyeli 5:7, 8IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
-
-
7 Ukumkani wakhwaza wathi makuziswe amagqirha, amaKhaledi* nabavumisi ngeenkwenkwezi.+ Wathi kwizilumko zaseBhabhiloni: “Umntu oye wafunda lo mbhalo, wandichazela nokuba uthetha ukuthini, uza kunxityiswa iimpahla ezimsobo,* afakwe neneklesi yegolide,+ aze abe ngumlawuli wesithathu ebukumkanini.”+
8 Zangena zonke izilumko zikakumkani, kodwa zange zikwazi ukuwufunda loo mbhalo nokuchazela ukumkani ukuba uthetha ukuthini.+
-