-
Hezekile 35:10, 11IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
-
-
10 “Ekubeni wena wathi, ‘Ezi ntlanga zimbini nala mazwe mabini aza kuba ngawam, ibe siza kuwathatha omabini,’+ nangona uYehova wayelapho, 11 ‘ngoko ke, ndiphila nje,’ itsho iNkosi enguMongami uYehova, ‘kanye njengokuba waba nomsindo, wanekhwele waza wawacaphukela, nam ndiza kukuphatha ngolo hlobo;+ yaye ndiza kuzazisa kuwo xa ndikugweba.
-
-
Zefaniya 2:8, 9IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
-
-
8 “Ndisivile isigezo samaMowabhi+ nezithuko zama-Amoni,+
Aye agezela abantu bam, aqhayisa ngokuthi aza koxutha umhlaba wabo.+
9 Ngoko ke, ndiphila nje,” utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli,
“UMowabhi uza kufana nqwa neSodom,+
Nama-Amoni afane neGomora,+
Indawo yamarhawu,* umngxuma wetyiwa, indawo eza kuhlala ingenabantu.+
Abashiyekileyo ebantwini bam baza kuwoxuthela izinto zawo,
Nabo bashiyekileyo kuhlanga lwam baza kuthimba izinto zawo.
-