IMizekeliso 21:3 IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha 3 Ukwenza izinto ezilungileyo nobulungisaKumvuyisa kakhulu uYehova kunombingelelo.+ Isaya 1:17 IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha 17 Fundani ukwenza izinto ezilungileyo, funani ubulungisa,+Mlungiseni umcinezeli,Mkhuseleni umntwana ongenatata,*Mthetheleleni umhlolokazi.”+ Yeremiya 22:3 IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha 3 Uthi uYehova: “Yenzani okusesikweni* nobulungisa. Msindiseni oqhathwa ngumntu onamaqhinga. Ningamphathi kakubi umntu wasemzini, ningamenzakalisi umntwana ongenatata* okanye umhlolokazi.+ Ningachithi igazi elimsulwa kule ndawo.+ Hezekile 45:9 IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha 9 “Ithi iNkosi enguMongami uYehova: ‘Kwanele ngoku, zinkosi zakwaSirayeli!’ “‘Yiyekeni le nkohlakalo yenu nokuphanga abantu, nize nenze okusesikweni* nobulungisa.+ Yekani ukoxutha umhlaba wabantu bam,’+ itsho iNkosi enguMongami uYehova. Hoseya 12:6 IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha 6 “Ngoko buyela kuThixo wakho,+Hlala unothando olungagungqiyo nobulungisa,+Yaye hlala uthembele kuThixo wakho.
17 Fundani ukwenza izinto ezilungileyo, funani ubulungisa,+Mlungiseni umcinezeli,Mkhuseleni umntwana ongenatata,*Mthetheleleni umhlolokazi.”+
3 Uthi uYehova: “Yenzani okusesikweni* nobulungisa. Msindiseni oqhathwa ngumntu onamaqhinga. Ningamphathi kakubi umntu wasemzini, ningamenzakalisi umntwana ongenatata* okanye umhlolokazi.+ Ningachithi igazi elimsulwa kule ndawo.+
9 “Ithi iNkosi enguMongami uYehova: ‘Kwanele ngoku, zinkosi zakwaSirayeli!’ “‘Yiyekeni le nkohlakalo yenu nokuphanga abantu, nize nenze okusesikweni* nobulungisa.+ Yekani ukoxutha umhlaba wabantu bam,’+ itsho iNkosi enguMongami uYehova.
6 “Ngoko buyela kuThixo wakho,+Hlala unothando olungagungqiyo nobulungisa,+Yaye hlala uthembele kuThixo wakho.