Yohane 3:36 IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha 36 Lowo uzikholelwayo izinto azifundisayo uNyana kaThixo aze azenze, uza kufumana ubomi obungunaphakade;+ kodwa lowo ungamthobeliyo uNyana kaThixo, akazukubufumana,+ ibe uza kuhlala ewuva umsindo kaThixo.+ Roma 1:17 IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha 17 Kuba ezi ndaba zityhila ubulungisa bukaThixo kwabo banokholo kuye, lutsho luqine ukholo lwabo+ kanye njengokuba kubhaliwe kwathiwa: “Kodwa yena umntu olilungisa uza kuphila ngenxa yokuba nokholo.”+ Galati 3:11 IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha 11 Ngaphezu koko, kuyabonakala ukuba uThixo akathi umntu lilungisa ngenxa yokuthobela kwakhe umthetho,+ kuba “umntu olilungisa uza kuphila ngenxa yokuba nokholo.”+ Hebhere 10:38 IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha 38 “Kodwa owam umntu olilungisa uza kuphila ngenxa yokuba nokholo,”+ yaye, “ukuba uye wabuya umva, ndiza kuyeka ukumthanda.”+
36 Lowo uzikholelwayo izinto azifundisayo uNyana kaThixo aze azenze, uza kufumana ubomi obungunaphakade;+ kodwa lowo ungamthobeliyo uNyana kaThixo, akazukubufumana,+ ibe uza kuhlala ewuva umsindo kaThixo.+
17 Kuba ezi ndaba zityhila ubulungisa bukaThixo kwabo banokholo kuye, lutsho luqine ukholo lwabo+ kanye njengokuba kubhaliwe kwathiwa: “Kodwa yena umntu olilungisa uza kuphila ngenxa yokuba nokholo.”+
11 Ngaphezu koko, kuyabonakala ukuba uThixo akathi umntu lilungisa ngenxa yokuthobela kwakhe umthetho,+ kuba “umntu olilungisa uza kuphila ngenxa yokuba nokholo.”+
38 “Kodwa owam umntu olilungisa uza kuphila ngenxa yokuba nokholo,”+ yaye, “ukuba uye wabuya umva, ndiza kuyeka ukumthanda.”+