-
Marko 1:40-44IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
-
-
40 Kweza umntu oneqhenqa kuye, emcenga eguqe ngedolo, esithi: “Ukuba nje uyathanda, ungandiphilisa.”*+ 41 Ngoko waba nosizi, wolula isandla sakhe, wambamba, waza wathi kuye: “Ndiyathanda! Phila.”*+ 42 Laphela ngoko nangoko iqhenqa lakhe, waphila.* 43 Emva koko wamyalela, 44 wathi: “Qiniseka ukuba awuxeleli mntu ngale nto, kodwa hamba uye kumbingeleli, unikele ngezinto awathi uMoses makunikelwe ngazo,+ ukuze bazibonele ukuba uphilisiwe,”+ waza wamyeka wahamba.
-
-
Luka 5:12-14IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
-
-
12 Ngenye imini, xa wayekwesinye sezo zixeko, wabona umntu owayephethwe ngamandla liqhenqa. Xa lo mntu wabona uYesu, waqubuda kuye waza wamcenga esithi: “Nkosi, ukuba nje uyathanda, ungandiphilisa.”+ 13 Ngoko wolula isandla sakhe, wambamba waza wathi: “Ndiyathanda! Phila.” Laphela ngoko nangoko iqhenqa lakhe.+ 14 Emva koko uYesu wathi kulo mntu makangayithethi le nto. Wathi kuye: “Kodwa hamba uye kumbingeleli, unikele ngezinto awathi uMoses makunikelwe ngazo,+ ukuze bazibonele ukuba uphilisiwe.”+
-