-
Marko 2:21, 22IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
-
-
21 Akukho mntu uthungela ilaphu elitsha phezu kwempahla endala. Ukuba wenza loo nto, ilaphu elitsha liza kuyitsala, liyikrazule, ize yonakale kakhulu.+ 22 Kwakhona, akukho mntu ugalela iwayini entsha kwiibhotile zofele ezindala. Ukuba uyayenza loo nto, iwayini iza kuzigqabhuza ezo bhotile, zonakale, ichitheke naloo wayini. Kodwa iwayini entsha igalelwa kwiibhotile zofele ezintsha.”
-
-
Luka 5:36-39IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
-
-
36 Wabenzela umzekelo esithi: “Akukho mntu usika ilaphu kwimpahla entsha alithungele kwendala. Ukuba uyayenza loo nto, eli litsha liza kuyitsala ikrazuke impahla endala, kuba kaloku la malaphu awafani.+ 37 Kwakhona, akukho mntu ugalela iwayini entsha kwiibhotile zofele ezindala. Ukuba uyayenza loo nto, ezo bhotile ziza kugqabhuka zonakale, ichitheke naloo wayini. 38 Kaloku, iwayini entsha imele igalelwe kwiibhotile zofele ezintsha. 39 Akukho mntu usela iwayini endala aze aphinde afune entsha, kuba uye athi, ‘Le indala imnandi.’”
-