-
Marko 3:1-6IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
-
-
3 UYesu waphinda wangena kwindlu ababekhonzela kuyo,* ibe apho kwakukho indoda efe isandla.+ 2 Ngoko babemgadile befuna ukubona ukuba uza kuyiphilisa na ngeSabatha, ukuze bammangalele. 3 Wathi kwindoda efe isandla: “Phakama uze ngaphambili.” 4 Emva koko wathi kubo: “Zeziphi izinto ekusemthethweni ukuzenza ngeSabatha: kokulungileyo okanye kokubi, kukusindisa ubomi okanye kukubulala?”+ Kodwa bathi cwaka. 5 Wabajonga bonke ecaphuka, ebuhlungu kakhulu kukungabi nasizi kwabo,+ waza wathi kuloo ndoda: “Yolula isandla sakho.” Yasolula ke, saza saphila. 6 Bakuyibona loo nto, abaFarisi baphuma baza ngoko nangoko baya kucebisana neqela labalandeli bakaHerode,+ ukuze bambulale.
-
-
Luka 6:6-11IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
-
-
6 Ngenye isabatha,+ uYesu wangena kwindlu awayekhonzela kuyo amaYuda,* waza wafundisa. Apho kwakukho indoda efe isandla sasekunene.+ 7 Ngoko ababhali nabaFarisi babemgadile, befuna ukubona ukuba uza kuyiphilisa na le ndoda ngeSabatha, ukuze bafumane indlela yokummangalela. 8 Kodwa eyazi indlela abacinga ngayo,+ wathi kule ndoda ife isandla: “Phakama uze ngaphambili.” Yaphakama yaya. 9 Emva koko, wathi kubo: “Khanitsho madoda, zeziphi izinto ekusemthethweni ukuzenza ngeSabatha: kokulungileyo okanye kokubi, kukusindisa ubomi okanye kukubulala?”+ 10 Wabajonga bonke, waza wathi kule ndoda: “Yolula isandla sakho.” Yasolula ke, saza saphila. 11 Kodwa baba nomsindo kakhulu, baza babuzana ukuba bamthini uYesu.
-