-
Luka 11:24-26IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
-
-
24 “Xa idemon iphuma emntwini, igqitha entlango, ikhangela indawo yokuhlala, ibe xa ingayifumani, iye ithi, ‘Ndiza kubuyela kulaa ndlu yam bendisuka kuyo.’+ 25 Ifika apho kutshayelwe ibe kuhonjisiwe. 26 Emva koko iyahamba iyokulanda iidemon ezisixhenxe ezinobubi kakhulu kunayo, zingene kuloo mntu, zihlale apho. Ngoko imeko yaloo mntu iba mbi kakhulu kunakuqala.”
-