-
Marko 7:25-30IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
-
-
25 Ngoko nangoko umfazi owayenentombi encinci eyayinedemon weva ngaye, waya kuye, wafika waqubuda ezinyaweni zakhe.+ 26 Lo mfazi wayengumGrike, wesizwe samaSirofenike;* ibe wayemcenga ukuba ayikhuphe loo demon entombini yakhe. 27 Kodwa wathi kuye: “Khawuyeke kuhluthe abantwana kuqala, kuba akulunganga ukuthatha isonka sabantwana, usiphose ezinjaneni.”+ 28 Kodwa wamphendula wathi: “Kunjalo mhlekazi, kodwa ke neenjana eziphantsi kwetafile zitya iimvuthuluka zabantwana abancinci.” 29 Ngoko uYesu wathi kuye: “Ngenxa yale nto uyithethileyo, hamba; idemon iphumile entombini yakho.”+ 30 Wagoduka, wafika umntwana elele ebhedini, idemon iphumile kuye.+
-