-
Marko 14:3-9IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
-
-
3 Xa wayeseBhethani esitya* endlini kaSimon owayekade eneqhenqa, kweza kuye umfazi ephethe ibhotile yealabhasta eneoli enuka kamnandi, inadusi yodidi, ebiza imali eninzi. Wayivula waza wayigalela kuYesu entloko.+ 4 Bathi abanye besakubona le nto, bacaphuka bathi: “Kutheni kudlalwa ngale oli nje? 5 Kuba ibinokuthengiswa ngeedenariyo* ezingaphezu kwe-300 ize loo mali inikwe amahlwempu!” Yabacaphukisa kakhulu into eyenziwa ngulo mfazi.* 6 Kodwa uYesu wathi: “Myekeni. Nimhluphela ntoni lo mfazi? Intle le nto andenzele yona.+ 7 Kaloku aza kusoloko ekho amahlwempu,+ ibe ningawenzela izinto ezintle nanini na nifuna, kodwa mna andizukusoloko ndikunye nani.+ 8 Wenze loo nto ebenokuyenza; undigalele ngale oli kwangaphambili, elungiselela ukungcwatywa kwam.+ 9 Ndiyaniqinisekisa ukuba, naphi na apho zishunyayelwa khona iindaba ezilungileyo emhlabeni,+ kuza kuthethwa nangaye lo mfazi, aze akhunjulwe ngale nto ayenzileyo.”+
-
-
Yohane 12:1-8IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
-
-
12 Ngosuku lwesithandathu ngaphambi kwePasika, uYesu waya eBhethani, apho wayehlala khona uLazaro,+ lo wayemvuse ekufeni. 2 Apho bamenzela isidlo sangokuhlwa, inguMarta obalungiselela ukutya,+ yena uLazaro ehleli etafileni kunye noYesu. 3 UMariya wathatha ioli enuka kamnandi emalunga nehafu yelitha,* inadusi yodidi, ebiza imali eninzi, wayigalela ezinyaweni zikaYesu, waza wazosula ngeenwele zakhe. Kwanuka kamnandi indlu yonke.+ 4 Kodwa uYudas Skariyoti,+ ongomnye wabafundi bakaYesu, owayesele eza kumjikela, wathi: 5 “Bekutheni ukuze le oli inuka kamnandi ingathengiswa ngeedenariyo* eziyi-300, ize loo mali inikwe amahlwempu?” 6 Wayengatsho kuba ecingela amahlwempu, kodwa watsho kuba elisela, ibe igcinwa nguye ibhokisi yemali, eyiba naloo mali. 7 UYesu wathi: “Myekeni andiqhole, ngaphambi kokuba ndingcwatywe.+ 8 Kaloku aza kusoloko ekho amahlwempu,+ kodwa mna andizukusoloko ndikunye nani.”+
-