-
Marko 14:60-65IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
-
-
60 Emva koko, umbingeleli omkhulu waphakama phakathi kwabo waza wathi kuYesu: “Uza kuthula ungaphenduli? Yintoni le akutyhola ngayo la madoda?”+ 61 Kodwa wathula wathi cwaka, akaphendula.+ Waphinda umbingeleli omkhulu wambuza wathi: “Unguye nyhani na uKristu uNyana waLowo Ungcwele?” 62 UYesu wathi: “Ndinguye; yaye niza kumbona uNyana womntu+ ehleli ngasekunene+ kwaLowo unamandla, esiza ngamafu ezulu.”+ 63 Wathi akutsho, umbingeleli omkhulu wakrazula izambatho zakhe, wathi: “Sisawafunelani ke amangqina?+ 64 Nani nizivele, udelele uThixo. Nithini nina?” Bonke bathi ufanelwe kukufa.+ 65 Abanye bamthufela,+ bamogquma ubuso baza bambetha ngamanqindi, besithi: “Profeta!” Bamqhwaba ngempama, baza oonogada bahamba naye.+
-