38 Njengokuba kwakunjalo ngemihla yangaphambi koMkhukula, abantu besitya, besela, amadoda etshata nabafazi betshatiswa, de kwaba yimini awangena ngayo uNowa emkhombeni,+ 39 bengahoyanga nto de kwafika uMkhukula wabatshayela bonke,+ buza kuba njalo ke nobukho boNyana womntu.