-
Mateyu 13:54-58IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
-
-
54 Emva kokuba efike kummandla wakowabo,+ waya kufundisa abantu kwindlu abakhonzela kuyo.* Bamangaliswa kangangokuba bathi: “Le ndoda ibufumene phi obu bulumko bungaka namandla okwenza imimangaliso emikhulu kangaka?+ 55 Ayingonyana womchweli na lo?+ AyingoMariya na umama wakhe? Khona, abantakwabo ayingoYakobi noYosefu noSimon noYudas?+ 56 Ayingabo na aba bakunye nathi oodadewabo? Ke ngoku, ukwazela phi ukwenza zonke ezi zinto?”+ 57 Ngoko bacaphuka.+ Kodwa uYesu wathi kubo: “Umprofeti uphathwa ngembeko kuyo yonke indawo, ngaphandle kwakummandla wakowabo nakwikhaya lakhe.”+ 58 Akazange enze mimangaliso mininzi apho, ngenxa yokungabi nalukholo kwabo.
-