-
Marko 10:13-16IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
-
-
13 Abantu bazisa abantwana abancinci kuye, ukuze ababeke izandla aze abathandazele, kodwa abafundi bakhe babangxolisa.+ 14 Wathi esakuyibona loo nto uYesu, wacaphuka, wathi kubo: “Bayekeni abantwana beze kum, sanukubanqanda, kuba uBukumkani bukaThixo bobabantu abafana nabo.+ 15 Ndiyaniqinisekisa ukuba, nabani na ongabamkeli njengomntwana omncinci uBukumkani bukaThixo, soze angene kubo.”+ 16 Wabawola aba bantwana waza wabasikelela, ebabeka izandla.+
-