-
Mateyu 20:29-34IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
-
-
29 Njengoko babephuma eYeriko, walandelwa ngabantu abaninzi. 30 Kwakukho amadoda amabini angaboniyo awayahleli ecaleni kwendlela. Athi akuva ukuba uYesu udlula ngendlela, akhwaza esithi: “Nkosi, Nyana kaDavide, senzele inceba!”+ 31 Kodwa aba bantu babelandela uYesu bawangxolisa besithi mawathi cwaka; kodwa akhwaza kakhulu, esithi: “Nkosi, Nyana kaDavide, senzele inceba!” 32 Ngoko uYesu wema, wawabiza waza wathi kuwo: “Nifuna ndinenzele ntoni?” 33 Athi: “Nkosi, sicela usivule amehlo.” 34 Enosizi, uYesu wawabamba emehlweni,+ abona ngoko nangoko, aza amlandela.
-
-
Marko 10:46-52IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
-
-
46 Bafika ke eYeriko. Kodwa wathi xa ephuma apho nabafundi bakhe neqela elikhulu labantu, wabe uBhartimeyu (unyana kaTimeyu), owayengaboni nowayecela izinto ebantwini, ehleli ecaleni kwendlela.+ 47 Wathi akuva ukuba nguYesu, umNazarete, wakhwaza wathi: “Yesu, Nyana kaDavide,+ ndenzele inceba!”+ 48 Aba bantu bamngxolisa besithi makathule, kodwa wakhwaza kakhulu esithi: “Nyana kaDavide, ndenzele inceba!” 49 Ngoko uYesu wema, wathi: “Mbizeni.” Bambiza loo mntu ungaboniyo, besithi kuye: “Yiba nesibindi! Phakama; uyakubiza.” 50 Ngoko nangoko, wakhulula isambatho sakhe sangaphezulu, waxhuma wema ngeenyawo, waya kuYesu. 51 UYesu wathi kuye: “Ufuna ndikwenzele ntoni?” Lo mntu ungaboniyo wathi kuye: “Mfundisi,* ndenze ndiphinde ndibone.” 52 UYesu wathi kuye: “Hamba. Ukholo lwakho lukuphilisile.”+ Ngoko nangoko waphinda wabona,+ waza wamlandela.
-