Daniyeli 7:27 IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha 27 “‘Baza ke ubukumkani,* ulawulo nobukhulu bezizwe eziphantsi kwamazulu, banikwa abangcwele baLowo Uphakamileyo.+ Ubukumkani* babo bubukumkani obuhlala ngonaphakade,+ yaye bonke abalawuli baza kubakhonza baze babathobele.’ Luka 12:32 IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha 32 “Sanukoyika mhlambi mncinci,+ kuba uTata wenu uza kuninika uBukumkani.+ 2 Timoti 2:12 IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha 12 ukuba siyaqhubeka sinyamezela siza kuba ngookumkani kunye naye;+ ukuba siyamphika naye uza kusiphika;+ Hebhere 12:28 IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha 28 Ngoko ke, ekubeni siza kufumana uBukumkani obungenakugungqiswa, masiqhubeke sisamkela ububele bukaThixo,* obusinceda sikwazi ukukhonza uThixo ngendlela engcwele, simoyika yaye simhlonipha. Yakobi 2:5 IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha 5 Ndimameleni bazalwana bam endibathandayo. UThixo akakhethanga abantu abajongwa njengamahlwempu na lihlabathi, ukuba babe zizityebi elukholweni,+ neendlalifa zoBukumkani awabuthembisa abo bamthandayo?+ ISityhilelo 1:6 IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha 6 osenze saba ngookumkani+ nababingeleli+ kuThixo wakhe noTata wakhe, makubekho uzuko namandla ngonaphakade. Amen.
27 “‘Baza ke ubukumkani,* ulawulo nobukhulu bezizwe eziphantsi kwamazulu, banikwa abangcwele baLowo Uphakamileyo.+ Ubukumkani* babo bubukumkani obuhlala ngonaphakade,+ yaye bonke abalawuli baza kubakhonza baze babathobele.’
12 ukuba siyaqhubeka sinyamezela siza kuba ngookumkani kunye naye;+ ukuba siyamphika naye uza kusiphika;+
28 Ngoko ke, ekubeni siza kufumana uBukumkani obungenakugungqiswa, masiqhubeke sisamkela ububele bukaThixo,* obusinceda sikwazi ukukhonza uThixo ngendlela engcwele, simoyika yaye simhlonipha.
5 Ndimameleni bazalwana bam endibathandayo. UThixo akakhethanga abantu abajongwa njengamahlwempu na lihlabathi, ukuba babe zizityebi elukholweni,+ neendlalifa zoBukumkani awabuthembisa abo bamthandayo?+
6 osenze saba ngookumkani+ nababingeleli+ kuThixo wakhe noTata wakhe, makubekho uzuko namandla ngonaphakade. Amen.