Duteronomi 34:9 IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha 9 UYoshuwa unyana kaNun waba nobulumko obuninzi,* kuba uMoses wayembeke isandla;+ yaye amaSirayeli ammamela aza enza njengokuba uYehova wayeyalele uMoses.+ IZenzo 8:14 IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha 14 Xa bevayo abapostile abaseYerusalem ukuba iSamariya ilamkele ilizwi likaThixo,+ bathumela uPetros noYohane apho. IZenzo 8:17 IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha 17 Ngoko bababeka izandla,+ baza baqalisa ukufumana umoya oyingcwele. IZenzo 13:2, 3 IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha 2 Njengoko babekhonza uYehova* yaye bengatyi, umoya oyingcwele wathi: “Ndikhetheleni uBharnabhas noSawule+ ukuze benze umsebenzi endibabizele wona.”+ 3 Emva kokuba bengatyi yaye bethandazile, bababeka izandla, baza babayeka bahamba. 1 Timoti 4:14 IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha 14 Uze ungadlali ngesiphiwo owasifumanayo xa kwaprofetwa ngawe, baza abadala bakubeka izandla.+ 1 Timoti 5:22 IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha 22 Uze ungabeki nabani na izandla ngokungxama;*+ yaye ungazifaki kwizono zabanye abantu; zigcine umsulwa. 2 Timoti 1:6 IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha 6 Ndiyakukhumbuza ke ukuba usikhwezele njengomlilo isiphiwo owasinikwa nguThixo xa ndandikubeka izandla.+
9 UYoshuwa unyana kaNun waba nobulumko obuninzi,* kuba uMoses wayembeke isandla;+ yaye amaSirayeli ammamela aza enza njengokuba uYehova wayeyalele uMoses.+
14 Xa bevayo abapostile abaseYerusalem ukuba iSamariya ilamkele ilizwi likaThixo,+ bathumela uPetros noYohane apho.
2 Njengoko babekhonza uYehova* yaye bengatyi, umoya oyingcwele wathi: “Ndikhetheleni uBharnabhas noSawule+ ukuze benze umsebenzi endibabizele wona.”+ 3 Emva kokuba bengatyi yaye bethandazile, bababeka izandla, baza babayeka bahamba.
22 Uze ungabeki nabani na izandla ngokungxama;*+ yaye ungazifaki kwizono zabanye abantu; zigcine umsulwa.
6 Ndiyakukhumbuza ke ukuba usikhwezele njengomlilo isiphiwo owasinikwa nguThixo xa ndandikubeka izandla.+