IZenzo 9:1, 2 IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha 9 USawule wayesabagrogrisa abafundi beNkosi yaye efuna ukubabulala,+ ibe waya kumbingeleli omkhulu 2 wamcela ukuba abhale iileta aza kuya nazo kwizindlu ekukhonzwa kuzo eDamasko, ukuze abazise bebotshiwe eYerusalem nabaphi na abafumeneyo abakule Ndlela YeNkosi,+ amadoda nabafazi. IZenzo 22:4 IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha 4 Ndandibatshutshisa bade bafe abantu ababelandela iNdlela YeNkosi, ndibabopha yaye ndibaphosa ejele, amadoda nabafazi.+ IZenzo 26:10 IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha 10 Ndenza kanye loo nto eYerusalem, ndaza ndabaphosa ejele abaninzi kwabo bangcwele+ kuba ndandinikwe imvume ngababingeleli abaziintloko;+ ndandivotela ukuba babulawe. Galati 1:13 IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha 13 Ndiqinisekile ukuba nivile ngezinto endandizenza xa ndandisekwinkonzo yobuYuda,+ ukuba ndalitshutshisa kabuhlungu ibandla likaThixo, ndilenzakalisa,+ Filipi 3:5, 6 IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha 5 ndoluka ngosuku lwesibhozo,+ ndingowohlanga lwakwaSirayeli, kwisizwe sakwaBhenjamin, ndingumHebhere ozelwe ngamaHebhere;+ ngokomthetho ndingumFarisi;+ 6 ndalitshutshisa ngokuzimisela ibandla,+ ndililungisa ngokutsho komthetho yaye ndimsulwa.
9 USawule wayesabagrogrisa abafundi beNkosi yaye efuna ukubabulala,+ ibe waya kumbingeleli omkhulu 2 wamcela ukuba abhale iileta aza kuya nazo kwizindlu ekukhonzwa kuzo eDamasko, ukuze abazise bebotshiwe eYerusalem nabaphi na abafumeneyo abakule Ndlela YeNkosi,+ amadoda nabafazi.
4 Ndandibatshutshisa bade bafe abantu ababelandela iNdlela YeNkosi, ndibabopha yaye ndibaphosa ejele, amadoda nabafazi.+
10 Ndenza kanye loo nto eYerusalem, ndaza ndabaphosa ejele abaninzi kwabo bangcwele+ kuba ndandinikwe imvume ngababingeleli abaziintloko;+ ndandivotela ukuba babulawe.
13 Ndiqinisekile ukuba nivile ngezinto endandizenza xa ndandisekwinkonzo yobuYuda,+ ukuba ndalitshutshisa kabuhlungu ibandla likaThixo, ndilenzakalisa,+
5 ndoluka ngosuku lwesibhozo,+ ndingowohlanga lwakwaSirayeli, kwisizwe sakwaBhenjamin, ndingumHebhere ozelwe ngamaHebhere;+ ngokomthetho ndingumFarisi;+ 6 ndalitshutshisa ngokuzimisela ibandla,+ ndililungisa ngokutsho komthetho yaye ndimsulwa.