-
IZenzo 9:3-8IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
-
-
3 Uthe xa ekufutshane neDamasko, wafikelwa kukukhanya okuvela ezulwini,+ 4 wawa phantsi waza weva ilizwi lisithi kuye: “Sawule, Sawule, kutheni unditshutshisa nje?” 5 Wathi: “Ungubani na, Nkosi?” Wathi: “NdinguYesu,+ lo umtshutshisayo.+ 6 Phakama ke ungene esixekweni, yaye uza kuyixelelwa into omawuyenze.” 7 Amadoda awayehamba naye ayemile engathethi, eliva ilizwi, kodwa engaboni mntu.+ 8 USawule waphakama, ibe wayengaboni, nangona wayewavulile amehlo akhe. Ngoko bambamba ngesandla bamsa eDamasko.
-
-
IZenzo 26:13-15IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
-
-
13 emini, endleleni, ndabona ukukhanya okukhulu okuvela ezulwini, Kumkani, kusogqitha nokukhanya kwelanga. Kwalayita kum nakubantu endandihamba nabo.+ 14 Sonke sawa phantsi ndaza ndeva ilizwi lithetha nam ngesiHebhere lisithi: ‘Sawule, Sawule, kutheni unditshutshisa nje? Uza kwenzakala njengokuba usilwa nam.’* 15 Ndathi: ‘Ungubani Nkosi yam?’ Yathi iNkosi: ‘NdinguYesu, lo umtshutshisayo.
-