-
Roma 12:6-8IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
-
-
6 Ngobubele bakhe,*+ uThixo akasinikanga iziphiwo ezifanayo, ngoko ukuba umntu unesiphiwo sokuprofeta, makaprofete ngokokholo lwakhe; 7 onesiphiwo sokunceda abanye, makabancede; onesiphiwo sokufundisa, makafundise;+ 8 onesiphiwo sokukhuthaza* abanye, makabakhuthaze;+ onesiphiwo sokwaba, makayenze loo nto engavimbi;+ onesiphiwo sokukhokela, makayikhuthalele loo nto;+ onesiphiwo sokuba nenceba, makayenze loo nto ngentliziyo yakhe yonke.+
-