Duteronomi 15:7, 8 IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha 7 “Ukuba omnye wabantakwenu uba lihlwempu kwesinye sezixeko zenu kwilizwe akunika lona uYehova uThixo wenu, uze ungayenzi lukhuni intliziyo yakho okanye ube ligqolo kumntakwenu olihlwempu.+ 8 Uze ube nobubele kakhulu kuye,+ umboleke nantoni na ayidingayo. Luka 3:11 IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha 11 Wayebaphendula athi: “Umntu onezambatho ezibini makaphe umntu ongenaso nesinye, nomntu onokutya makenjenjalo.”+ Roma 12:13 IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha 13 Bancedeni ngezinto abazidingayo abo bangcwele.+ Hlalani nibenzela ububele abanye abantu.+ Yakobi 2:15, 16 IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha 15 Ukuba umzalwana okanye udade uyadlakazela* okanye ulambile, 16 kunceda ngantoni ukuba omnye wenu athi kuye, “Hamba ngoxolo, ufudumale, uhluthe,” kodwa abe engamnikanga nto?+ 1 Yohane 4:20 IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha 20 Ukuba umntu uthi, “Ndiyamthanda uThixo,” kodwa abe emcaphukela umzalwana wakhe, ulixoki.+ Kaloku umntu ongamthandiyo umzalwana wakhe+ ambonayo, akanakuthanda uThixo angamboniyo.+
7 “Ukuba omnye wabantakwenu uba lihlwempu kwesinye sezixeko zenu kwilizwe akunika lona uYehova uThixo wenu, uze ungayenzi lukhuni intliziyo yakho okanye ube ligqolo kumntakwenu olihlwempu.+ 8 Uze ube nobubele kakhulu kuye,+ umboleke nantoni na ayidingayo.
11 Wayebaphendula athi: “Umntu onezambatho ezibini makaphe umntu ongenaso nesinye, nomntu onokutya makenjenjalo.”+
15 Ukuba umzalwana okanye udade uyadlakazela* okanye ulambile, 16 kunceda ngantoni ukuba omnye wenu athi kuye, “Hamba ngoxolo, ufudumale, uhluthe,” kodwa abe engamnikanga nto?+
20 Ukuba umntu uthi, “Ndiyamthanda uThixo,” kodwa abe emcaphukela umzalwana wakhe, ulixoki.+ Kaloku umntu ongamthandiyo umzalwana wakhe+ ambonayo, akanakuthanda uThixo angamboniyo.+