Eyesibini YeziKronike
33 UManase+ waba ngukumkani xa wayeneminyaka eyi-12, ibe walawula iminyaka eyi-55 eYerusalem.+
2 Wenza izinto ezimbi emehlweni kaYehova, izinto ezenyanyekayo zeentlanga uYehova awazigxothayo phambi kwamaSirayeli.+ 3 Waphinda wazakha iindawo eziphakamileyo ezazidilizwe nguHezekiya utata wakhe,+ wakha nezibingelelo zooBhahali wamisa neepali ezingcwele,* waqubuda kuwo wonke umkhosi wamazulu, wawukhonza.+ 4 Wakha izibingelelo endlini kaYehova,+ le uYehova wayethethe ngayo wathi: “Ndiza kulibeka eYerusalem igama lam ngonaphakade.”+ 5 Wakhela wonke umkhosi wamazulu izibingelelo kwiiyadi ezimbini zendlu kaYehova.+ 6 Wabingelela* nangabakhe oonyana emlilweni+ eNtlanjeni Yonyana KaHinom,+ wenza imilingo,+ wasebenzisa ukuvumisa, ubugqwirha, waqesha amagqirha nabantu abachaza izinto kwangaphambili.+ Wayeqatsele ekwenzeni izinto ezimbi emehlweni kaYehova, ukuze amcaphukise.
7 Wathatha umfanekiso oqingqiweyo awayewenzile, wawubeka endlini kaThixo wokwenene+ awayethe ngayo uThixo kuDavide nakuSolomon unyana wakhe: “Igama lam ndiza kulibeka ngonaphakade apha kule ndlu naseYerusalem, indawo endayikhethayo phakathi kwazo zonke izizwe zakwaSirayeli.+ 8 Andizukuphinda ndizisuse iinyawo zamaSirayeli emhlabeni endawunika ookhokho bawo, ukuba nje aye ayithobela yonke imiyalelo yam, wonke uMthetho, imimiselo nezigwebo endawanika ngoMoses.” 9 UManase waqhubeka emlahlekisa uYuda nabemi baseYerusalem, ebabangela benze izinto ezimbi ngaphezulu lee kuneentlanga uYehova awazitshabalalisayo phambi kwamaSirayeli.+
10 UYehova waqhubeka ethetha noManase nabantu bakhe, kodwa abazange bamamele.+ 11 Ngoko uYehova wabazisela abaphathi-mkhosi bakakumkani waseAsiriya, bamthimba uManase bamfaka iihaki,* bambopha ngamakhamandela amabini ekopolo baza bamsa eBhabhiloni. 12 Esebunzimeni, wamcenga* uYehova uThixo wakhe, waqhubeka ezithoba kakhulu kuThixo wookhokho bakhe. 13 Waqhubeka ethandaza kuThixo, waza uThixo wachukumiseka kukumcenga kwakhe, wasiva nesicelo sakhe senceba, waza wambuyisela eYerusalem ebukumkanini bakhe.+ UManase watsho wazi ukuba uYehova nguThixo wokwenene.+
14 Emva koko wakha udonga lwangaphandle lwesiXeko SikaDavide+ entshona yeGihon+ kwintlambo, lwayokufika kwiGeyithi Yeentlanzi,+ walwenza lwajikeleza iOfeli,+ waza walwenza lwaphakama kakhulu. Wabeka nabaphathi bomkhosi wamajoni kuzo zonke izixeko ezikhuselekileyo zakwaYuda. 15 Emva koko wabasusa oothixo basemzini nomfanekiso wesithixo endlini kaYehova,+ wasusa zonke izibingelelo awazakhayo entabeni yendlu kaYehova+ naseYerusalem zaza zalahlwa ngaphandle kwesixeko. 16 Walungisa nesibingelelo sikaYehova,+ waqalisa ukwenza imibingelelo yobuhlobo+ nemibingelelo yokubulela+ kuso, waza wathi kuYuda makakhonze uYehova uThixo kaSirayeli. 17 Sekunjalo, abantu babesabingelela kwiindawo eziphakamileyo, kodwa ke babebingelela kuYehova uThixo wabo kuphela.
18 Enye imbali kaManase, umthandazo wakhe kuThixo wakhe namazwi eemboni ezazithetha naye egameni likaYehova uThixo kaSirayeli, zibhalwe kwimbali yookumkani bakwaSirayeli. 19 Umthandazo wakhe,+ nendlela esaphendulwa ngayo isicelo sakhe, zonke izono zakhe nokungathembeki kwakhe,+ iindawo awakha kuzo iindawo eziphakamileyo wamisa iipali ezingcwele*+ nemifanekiso eqingqiweyo phambi kokuba azithobe, zibhalwe emazwini eemboni zakhe. 20 Emva koko uManase walala kookhokho bakhe, waza wangcwatyelwa endlini yakhe, ibe uAmon unyana wakhe waba ngukumkani esikhundleni sakhe.+
21 UAmon+ waba ngukumkani xa wayeneminyaka eyi-22, waza walawula iminyaka emibini eYerusalem.+ 22 Waqhubeka esenza izinto ezimbi emehlweni kaYehova, kanye njengoManase utata wakhe.+ UAmon wabingelela kuyo yonke imifanekiso eqingqiweyo eyayenziwe ngutata wakhe uManase,+ waza waqhubeka eyikhonza. 23 Akazange azithobe kuYehova+ njengoManase utata wakhe owazithobayo,+ kunoko uAmon walenza lalikhulu ityala lakhe. 24 Ekugqibeleni izicaka zakhe zamenzela iyelenqe+ zaza zambulalela endlini yakhe. 25 Kodwa abantu belo lizwe babaxabela bonke abo babenzele uKumkani uAmon iyelenqe,+ baza benza uYosiya+ unyana wakhe ukumkani endaweni yakhe.