Yoshuwa
7 Kodwa amaSirayeli akazange athembeke ngezinto ekwakuthiwe mazitshatyalaliswe, kuba uAkan+ unyana kaKarmi, unyana kaZabhedi, unyana kaZera, wesizwe sakwaYuda, wathatha kwizinto ekwakuthiwe mazitshatyalaliswe.+ Le nto yamenza uYehova waba nomsindo kakhulu kumaSirayeli.+
2 Emva koko uYoshuwa wathumela amadoda eseYeriko ukuba aye eAyi,+ ekufuphi neBhete-aven, ngakwimpuma yeBheteli.+ Wathi kuwo: “Nyukani niye kuhlola ilizwe.” Ngoko loo madoda enyuka aya kuhlola iAyi. 3 Emva koko loo madoda abuyela kuYoshuwa, athi kuye: “Akuyomfuneko ukuba bonke abantu benyuke. Amadoda angamawaka amabini okanye angamawaka amathathu anele ukuba angayoyisa iAyi. Sukuwagqiba onke amandla omkhosi ngokuwuthumela wonke, kuba bambalwa abantu baphaya.”
4 Ngoko kwenyuka amadoda amalunga nayi-3 000 ukuya apho, kodwa loo madoda kwafuneka awabaleke amadoda aseAyi.+ 5 Amadoda aseAyi axabela amadoda ayi-36, yaye awaleqa esuka ngaphandle kwegeyithi yesixeko ayokutsho eShebharim, yaye aqhubeka ewaxabela kwindawo eyehlayo. Ngoko abantu boyika baza baphelelwa sisibindi.*
6 UYoshuwa wazikrazula iimpahla zakhe waza wawa ngobuso emhlabeni phambi kweTyeya kaYehova de kwangokuhlwa, yena nabadala bakwaSirayeli, yaye baqhubeka bezigalela ngothuli kwiintloko zabo. 7 UYoshuwa wathi: “Yhini Yehova, Nkosi enguMongami, kutheni uweze aba bantu iYordan ukuze nje ubanikele kuma-Amori ukuba abatshabalalise? Akwaba besanelisekile kukuhlala ngaphesheya* kweYordan! 8 Uxolo Yehova, yintoni endinokuyithetha njengokuba amaSirayeli eye azibaleka* iintshaba zawo? 9 Xa amaKanan nabo bonke abemi belizwe lawo beyiva loo nto, baza kusirhangqa baze balitshayele igama lethu phezu komhlaba, yaye yintoni oza kuyenza ngegama lakho elikhulu?”+
10 UYehova wamphendula uYoshuwa wathi: “Phakama! Kutheni uqubudile nje? 11 AmaSirayeli onile. Aye asaphula isivumelwano+ endawayalela ukuba asigcine. Athathe ezinye zezinto ebezimele zitshatyalaliswe,+ aziba,+ aza azifihla phakathi kweempahla zawo.+ 12 Ngenxa yoko amaSirayeli awazukukwazi ukumelana neentshaba zawo. Aza kuzifulathela iintshaba zawo aze azibaleke, kuba anikelwe kwintshabalalo. Andizukuphinda ndibe kunye nani nide kuqala niyitshabalalise into emele itshatyalaliswe.+ 13 Phakama uze ubenze ngcwele abantu!+ Yithi, ‘Zenzeni nibe ngcwele ngomso, kuba uYehova uThixo kaSirayeli uthe: “Phakathi kwenu kukho izinto ebezimele zitshatyalaliswe, Sirayeli. Anizukukwazi ukumelana neentshaba zenu nide niyisuse phakathi kwenu into ebekumele ukuba itshatyalalisiwe. 14 Kusasa nimele nisondele, isizwe ngesizwe, yaye isizwe aza kusikhetha uYehova+ siza kusondela, intsapho ngentsapho, yaye intsapho aza kuyikhetha uYehova iza kusondela, indlu ngendlu, nendlu aza kuyikhetha uYehova iza kusondela, indoda ngendoda. 15 Lowo ubhaqwe enento ebekumele itshatyalaliswe uza kutshiswa,+ yena nazo zonke izinto zakhe, kuba uye wasaphula isivumelwano+ sikaYehova yaye wenze into elihlazo kwaSirayeli.”’”
16 Ngoko uYoshuwa wavuka ekuseni ngentsasa elandelayo, waza wawasondeza amaSirayeli, isizwe ngesizwe, kwaza kwakhethwa isizwe sakwaYuda. 17 Wasondeza iintsapho zakwaYuda kwaza kwakhethwa intsapho yamaZera,+ emva koko wasondeza intsapho yamaZera, indoda ngendoda, kwaza kwakhethwa uZabhedi. 18 Ekugqibeleni wasondeza indlu kaZabhedi, indoda ngendoda, yaye kwakhethwa uAkan unyana kaKarmi, unyana kaZabhedi, unyana kaZera, wesizwe sakwaYuda.+ 19 Emva koko uYoshuwa wathi kuAkan: “Nyana wam ndiyakucela, zukisa uYehova uThixo kaSirayeli uze uzixele kuye. Nceda undixelele le nto uyenzileyo. Sukundifihlela.”
20 UAkan wamphendula uYoshuwa wathi: “Enyanisweni ndim omonileyo uYehova uThixo kaSirayeli, yaye nantsi into endiyenzileyo. 21 Ndithe ndakubona phakathi kwezinto ezoxuthiweyo isambatho sodidi esihle saseShinare,+ iishekele* eziyi-200 zesilivere, nesitena segolide esinobunzima beeshekele eziyi-50, ndazibawela, ndaza ndazithatha. Ndizigrumbele ngaphakathi ententeni yam, imali ingaphantsi kwazo.”
22 Ngoko nangoko uYoshuwa wathumela abathunywa, baza babaleka baya ententeni ka-Akan, impahla yayifihlwe apho, imali ingaphantsi kwayo. 23 Ngoko bazithatha ententeni bazizisa kuYoshuwa nakuwo onke amaSirayeli, baza bazibeka phambi koYehova. 24 Emva koko uYoshuwa nawo onke amaSirayeli awayekunye naye, bamthatha uAkan+ unyana kaZera, bathatha nesilivere, impahla entle, isitena segolide+ kunye noonyana bakhe, iintombi zakhe, inkunzi yakhe yenkomo, idonki yakhe, umhlambi wakhe, intente yakhe nayo yonke into eyayiyeyakhe, bayisa kwiNtlambo YaseAkore.*+ 25 UYoshuwa wathi: “Kutheni usizisele intlekele?*+ Nawe uYehova uza kukuzisela intlekele namhlanje.” Emva koko onke amaSirayeli ambetha ngamatye,+ aza amtshisa yena nako konke okwakhe. Ngoko+ amaSirayeli ababetha ngamatye bonke. 26 Bafumba imfumba yamatye phezu kwakhe yaye iselapho nanamhlanje. Ngoko uYehova wayeka ukuvutha ngumsindo.+ Yiloo nto kusithiwa loo ndawo yiNtlambo YaseAkore* kude kube namhlanje.