Zekariya
1 Ngenyanga yesibhozo ngonyaka wesibini kaDariyo,+ kwafika ilizwi likaYehova kumprofeti uZekariya*+ unyana kaBherekiya unyana kaIdo, lisithi: 2 “Ootata benu bamcaphukisa kakhulu uYehova.+
3 “Yithi kubo, ‘Uthi uYehova wemikhosi: “‘Buyelani kum,’ utsho uYehova wemikhosi, ‘nam ndiza kubuyela kuni,’+ utsho uYehova wemikhosi.”’
4 “‘Sanukuba njengootata benu, abathi abaprofeti bangaphambili kubo: “Uthi uYehova wemikhosi, ‘Khanincede, nizishiye iindlela* nezenzo zenu ezibi.’”’+
“‘Kodwa abazange bamamele, yaye abazange bandihoye,’+ utsho uYehova.
5 “‘Baphi ootata benu ngoku? Bona abaprofeti, ngaba baphila ngonaphakade? 6 Kodwa ke, amazwi am nemiyalelo yam endayiyalela abakhonzi bam abaprofeti, yenzeka kootata benu, andithi?’+ Ngoko babuyela kum, bathi: ‘UYehova wemikhosi usivuze ngokweendlela nezenzo zethu, kanye njengokuba wayetshilo.’”+
7 Ngomhla we-24 kwinyanga ye-11, oko kukuthi, inyanga enguShebhati,* ngonyaka wesibini kaDariyo,+ kwafika ilizwi likaYehova kuZekariya unyana kaBherekiya unyana kaIdo umprofeti, lisithi: 8 “Ndabona umbono ebusuku. Kwakukho indoda eyayikhwele ihashe elibomvu, yema ngxi phakathi kwemithi yommirtile eyayisengxingweni; emva kwayo kwakukho ihashe elibomvu, elibomvu-bumdaka nelimhlophe.”
9 Ndathi: “Ngoobani aba, nkosi yam?”
Ingelosi eyayithetha nam yathi: “Ndiza kukubonisa ukuba ngoobani.”
10 Emva koko indoda eyayimi ngxi phakathi kwemithi yommirtile yathi: “Aba ngabo bathunywe nguYehova ukuba bahambahambe emhlabeni.” 11 Kwaye bayiphendula ingelosi kaYehova eyayimi phakathi kwemithi yommirtile bathi: “Sihambahambile emhlabeni, yaye jonga! umhlaba wonke uzolile, akukho siphazamiso.”+
12 Yathi ingelosi kaYehova: “Owu Yehova wemikhosi, kuya kude kube nini na ungayenzeli nceba iYerusalem nezixeko zakwaYuda,+ obuziqumbele kule minyaka iyi-70?”+
13 UYehova wayiphendula ngobubele nangamazwi athuthuzelayo ingelosi eyayithetha nam. 14 Ingelosi eyayithetha nam yathi kum: “Khwaza uthi, ‘Uthi uYehova wemikhosi: “Ndizimisele kakhulu ngeYerusalem nangeZiyon.+ 15 Ndiziqumbele gqitha iintlanga ezihleli ngokukhululeka,+ kuba ndandingaqumbanga kakhulu,+ zasuka zona zongeza kwintlekele.”’+
16 “Ngoko uthi uYehova wemikhosi: ‘“Ndiza kubuyela eYerusalem ndinenceba,+ ibe indlu yam iza kwakhelwa khona,”+ utsho uYehova wemikhosi, “nentambo yokumeta iza kolulwa phezu kweYerusalem.”’+
17 “Phinda ukhwaze uthi, ‘Uthi uYehova wemikhosi: “Izixeko zam ziza kuphinda ziphuphume ukulunga; uYehova uza kuphinda ayithuthuzele iZiyon+ aze aphinde ayikhethe iYerusalem.”’”+
18 Ndajonga phezulu, ndabona iimpondo ezine.+ 19 Ngoko ndathi kwingelosi eyayithetha nam: “Ziintoni ezi?” Yathi kum: “Ezi ziimpondo ezasasaza uYuda,+ uSirayeli+ neYerusalem.”+
20 Emva koko, uYehova wandibonisa abakhandi abane. 21 Ndathi: “Baze kwenza ntoni aba bakhandi?”
Yathi: “Ezi ziimpondo ezasasaza uYuda kangangokuba akuzange kubekho mntu ukwaziyo ukuphakamisa intloko. Aba bakhandi baza kuza ukuze bazoyikise, baziwise phantsi iintlanga ezaphakamisa iimpondo zazo kwilizwe lakwaYuda ukuze zibathi saa abemi balo.”