Ezra
6 UKumkani uDariyo wawukhupha ngelo xesha ke umyalelo, kwaza kwaphandwa kwindawo yokugcina iincwadi zembali nobutyebi baseBhabhiloni. 2 Kwafunyanwa umsongo kwinqaba ese-Ekbhatana, kwiphondo* laseMedi, ibe kwakubhalwe le nto kuwo:
3 “Ngonyaka wokuqala kaKumkani uKoreshi, uKumkani uKoreshi wakhupha lo myalelo ngendlu kaThixo eseYerusalem:+ ‘Le ndlu mayakhiwe kuze kwenziwe imibingelelo kuyo, kubekwe neziseko zayo; mayibe ziikubhite eziyi-60* ukuphakama neekubhite eziyi-60 ububanzi.+ 4 Mayibe nemiqolo emithathu yamatye amakhulu aqengqiweyo nomqolo omnye wamaplanga;+ iindleko maziphume endlini kakumkani.+ 5 Kwakhona, mazibuyiswe izitya zegolide nezesilivere zendlu kaThixo ezakhutshwa nguNebhukadenetsare kwitempile eyayiseYerusalem wazizisa eBhabhiloni,+ ukuze zibekwe endaweni yazo etempileni eseYerusalem, endlini kaThixo.’+
6 “Wena ke Tatenayi mlawuli waPhesheya KoMlambo,* nawe Sheta-bhozenayi nabantu enisebenza nabo abangabaphathi baPhesheya KoMlambo,+ hlukanani nabo. 7 Sanukuwuphazamisa umsebenzi wendlu kaThixo. Umlawuli wamaYuda nabadala bamaYuda baza kuphinda bayakhe indlu kaThixo kulaa ndawo yayikade ikuyo. 8 Ndikhupha nalo myalelo wezinto enimele nizenzele abadala bamaYuda, nibancedisa ekwakheni loo ndlu kaThixo: Thathani imali kubutyebi bukakumkani+ nakwirhafu eqokelelwe kummandla oPhesheya KoMlambo, niyinike la madoda ngokukhawuleza ukuze umsebenzi ungaphazamiseki.+ 9 Qinisekani ukuba nibanika yonke into abayidingayo yonke imihla, amathole eenkomo aziinkunzi,+ iinkunzi zeegusha+ namatakane eegusha+ ukuze benzele uThixo wezulu umbingelelo otshiswayo, nibanike nengqolowa,+ ityiwa,+ iwayini+ namafutha,+ njengokuba besitsho ababingeleli baseYerusalem, 10 ukuze baqhubeke besenza iminikelo evuyisa uThixo wamazulu baze bathandazele ubomi bukakumkani noonyana bakhe.+ 11 Ndikhuphe nomyalelo wokuba nabani na ongawuthobeliyo lo mthetho, ze kutsalwe iplanga endlini yakhe, abotshelelwe* kulo, ize indlu yakhe yenziwe indlu yangasese kawonke-wonke.* 12 Wanga uThixo obangele igama lakhe lahlala apho+ angambhukuqa nawuphi na ukumkani nabantu abangawuthobeliyo lo myalelo baze batshabalalise loo ndlu kaThixo eseYerusalem. Ndim, mna Dariyo, okhupha lo myalelo. Mawenziwe ngokukhawuleza.”
13 Emva koko uTatenayi umlawuli wommandla oPhesheya KoMlambo, uSheta-bhozenayi+ nabantu awayesebenza nabo, bazenza ngokukhawuleza zonke izinto ababeziyalelwe nguKumkani uDariyo. 14 Abadala bamaYuda baqhubeka besakha, umsebenzi uhambela phambili,+ bencedwa kukuprofeta komprofeti uHagayi+ noZekariya+ umzukulwana kaIdo; bagqiba ukwakha ngokomyalelo kaThixo kaSirayeli+ nangokomyalelo kaKoreshi,+ uDariyo+ noKumkani uArtashashta+ wasePersi. 15 Bagqiba ukuyakha le ndlu ngosuku lwesithathu lwenyanga ka-Adare,* ngonyaka wesithandathu kulawula uKumkani uDariyo.
16 Emva koko amaSirayeli, ababingeleli, abaLevi+ nabo bonke abantu ababethinjiwe benza itheko lokunikezela le ndlu kaThixo bevuya. 17 Kwelo theko, banikela ngeenkunzi zeenkomo eziyi-100, iinkunzi zeegusha eziyi-200, amatakane eegusha ayi-400, neenkunzi zeebhokhwe eziyi-12 zomnikelo wesono wamaSirayeli, ngokwenani lezizwe zakwaSirayeli.+ 18 Bamisela ababingeleli kumaqela abo nabaLevi kumaqela abo ukuze benze umsebenzi kaThixo eYerusalem,+ njengokuba kubhaliwe encwadini kaMoses.+
19 Aba bantu babekade bengabathinjwa benza iPasika ngomhla we-14 wenyanga yokuqala.+ 20 Ababingeleli nabaLevi bonke babezicocile,+ kungekho namnye ongacocekanga; baxhela umbingelelo wePasika, besenzela bona nabo babekade bengabathinjwa, kunye nabanye ababingeleli. 21 Emva koko amaSirayeli awayebuye ekuthinjweni atya kuwo, kunye nabo babebuye nawo, abo babezahlule kwizinto ezingacocekanga zeentlanga zelo lizwe, ukuze bakhonze* uYehova uThixo kaSirayeli.+ 22 Enza neTheko Lezonka Ezingenagwele+ iintsuku ezisixhenxe onwabile, kuba uYehova wawenza onwaba, wenza nokumkani waseAsiriya ukuba awathande,+ ukuze awaxhase kumsebenzi wokwakha indlu yoThixo wokwenene, uThixo kaSirayeli.