IiNdumiso
Kumalathisi; idlalwa ngeYedutun.*+ Ingoma emnandi kaDavide.
Ndiza kuwuvala umlomo wam+
Ukuba nje kusekho umenzi-bubi phambi kwam.”
Andizange ndithethe nangezinto ezilungileyo,
Kodwa intlungu yam yayingathetheki.*
3 Intliziyo yam yaba shushu ngaphakathi kum.
Ndathi ndisacinga, waqhubeka uvutha umlilo.
Emva koko ndathi:
4 “Owu Yehova, ndenze ndisiqonde isiphelo sam,
Ndiqonde nokuba zingakanani iintsuku zam,+
Ukuze ndiyazi indlela obufutshane ngayo ubomi bam.
Ngokuqinisekileyo umntu, nangona ebonakala ekhuselekile, ngumphunga nje.+ (Selah)
6 Ngokuqinisekileyo umntu uhamba-hamba njengesithunzi.
Uphithizelela* into engekhoyo.
Uqokelela ubutyebi, engazi nokuba ngubani oza kubusebenzisa.+
7 Owu Yehova, ndingathemba ntoni?
Nguwe kuphela ithemba lam.
8 Ndisindise kuzo zonke izono zam.+
Ungasivumeli isidenge sindenze intlekisa.
10 Sisuse kum isibetho sakho.
Ndiphelelwe ngamandla kuba isandla sakho siyandibetha.
Ngokuqinisekileyo bonke abantu bangumphunga nje.+ (Selah)
Sukuzibetha ngoyaba iinyembezi zam.
13 Yeka ukundijamela, nditsho ndonwabe
Ngaphambi kokuba ndife, ndingabikho.”