Isaya
Abantu baza kubona uzuko lukaYehova, nendlela amkhulu ngayo uThixo wethu.
4 Yithini kwabaneentliziyo ezinexhala:
“Sanukoyika. Yomelelani.
Jongani! UThixo wenu uza kuniphindezela,
UThixo uza kubahlawulisa.+
Uza kuza aze anisindise.”+
6 Ngelo xesha umntu oqhwalelayo uza kutsiba njengempunzi,+
Nolwimi lomntu ongakwaziyo ukuthetha luza kukhwaza ngovuyo.+
Kuba nentlango iza kumpompoza amanzi,
Kubekho imisinga yamanzi entlango.
7 Umhlaba owomiswe bubushushu uza kuba njengechibi elineengcongolo.
Nomhlaba ongenamanzi ube njengemithombo yamanzi.+
Apho kwakudla ngokulala oodyakalashe,+
Kuza kubakho ingca eluhlaza yaka, iingcongolo nompapiri.
Akuzukuhamba moni kuwo.+
Ugcinelwe abo bafanele ukuhamba kuwo,
Akukho kwasidenge siza kubhadulela kuwo.
9 Soze ubone nengonyama apho,
Kungazi nasilwanyana sikhohlakeleyo apho.
10 Abo bakhululwe nguYehova baza kubuyela+ eZiyon, bekhala ezovuyo.+
Baza kuthweswa uvuyo kwiintloko zabo+
Ndlela le baza kuvuya baze bonwabe ngayo!
Iza kubashiya intlungu nokuncwina.+