Levitikus
17 UYehova waqhubeka wathi kuMoses: 2 “Yithi kuAron noonyana bakhe nakuwo onke amaSirayeli, ‘Uthi uYehova:
3 “‘“Ukuba nayiphi na indoda kwaSirayeli ixhela inkunzi yenkomo okanye inkunzi yetakane legusha okanye ibhokhwe, enkampini okanye ngaphandle kwenkampu, 4 kunokuba iyizise kumnyango wentente yokuhlangana ukuze inikelwe kuYehova phambi kwentente kaYehova engcwele, loo ndoda iza kuba netyala legazi. Iye yachitha igazi, yaye imele ibulawe. 5 Oku kuza kwenza amaSirayeli ayeke ukubingelela endle, kodwa ayizise kuYehova imibingelelo yawo, ayinike umbingeleli kumnyango wentente yokuhlangana. Afanele abingelele ngezo zinto zibe yimibingelelo yobuhlobo eya kuYehova.+ 6 Umbingeleli uza kufefa igazi esibingelelweni sikaYehova kumnyango wentente yokuhlangana aze aqhumise ngamanqatha, abe livumba elimnandi kuYehova.+ 7 Ngoko afanele ayeke ukungathembeki+ ngokuthi abingelele kwiidemon ezifana neebhokhwe.*+ Lo uza kuba ngumthetho ohlala uhleli kuni nakwizizukulwana zenu.”’
8 “Uze uthi kuwo, ‘Nayiphi na indoda yakwaSirayeli okanye nawuphi na umntu wasemzini ohlala nani onyusa umnikelo otshiswayo okanye umbingelelo 9 aze angawuzisi kumnyango wentente yokuhlangana ukuze awunikele kuYehova, umele abulawe.+
10 “‘Ukuba nayiphi na indoda yakwaSirayeli okanye nawuphi na umntu wasemzini ohlala phakathi kwenu utya naliphi na igazi,+ ndiza kumchasa nakanjani loo mntu, ndimbulale. 11 Kuba ubomi bayo nantoni na ephilayo busegazini,+ yaye mna ndininike lona ukuze nizihlawulele esibingelelweni,+ kuba ligazi elinenza nihlawulelwe+ ngobomi obukulo. 12 Yiloo nto ndithe kumaSirayeli: “Makungabikho namnye umntu kuni otya igazi, yaye kungabikho namnye umntu wasemzini ohlala nani+ otya igazi.”+
13 “‘Ukuba omnye wamaSirayeli okanye omnye umntu wasemzini ohlala nani uyazingela aze abambise inyamakazi okanye intaka etyiwayo, umele alichithe igazi layo+ aze alogqume ngomhlaba. 14 Kaloku ubomi bayo yonke into ephilayo ligazi layo, kuba ubomi bukulo. Yiloo nto ndithe kumaSirayeli: “Nimele ningatyi igazi layo nantoni na ephilayo, kuba ubomi bayo ligazi. Nabani na olityayo uza kubulawa.”+ 15 Ukuba nabani na utya into efunyenwe seyifile okanye eqwengwe lirhamncwa,+ nokuba loo mntu ngumSirayeli okanye ngumntu wasemzini, umele ahlambe iimpahla zakhe ahlambe nomzimba wakhe emanzini, yaye akazukucoceka kude kuhlwe,+ aze emva koko acoceke. 16 Kodwa ukuba akazihlambanga iimpahla zakhe, akawuhlamba nomzimba wakhe, uza kuphendula ngesono sakhe.’”+