Genesis
14 Kwathi ngemihla ka-Amrafele ukumkani waseShinare,+ uAriyoki ukumkani wase-Elasare, uKedolahomere+ ukumkani wase-Elam,+ noTidali ukumkani wamaGoyi, 2 balwa imfazwe kunye noBhera ukumkani waseSodom,+ uBhirsha ukumkani waseGomora,+ uShinabhi ukumkani waseAdima, uShemebhere ukumkani waseTsebhoyim,+ nokumkani waseBhela, oko kukuthi, eTsoware. 3 Aba badibanisa imikhosi yabo kwiNtlambo YaseSidim,*+ oko kukuthi, uLwandle LweTyiwa.*+
4 Babesele bezizicaka zikaKedolahomere kangangeminyaka eyi-12, kodwa ngonyaka we-13 bamjikela. 5 Ngoko ngonyaka we-14, uKedolahomere nookumkani ababekunye naye baya kuwo baza bawoyisa amaRefa eAshteroti-karnayim, amaZuzi eHam, amaEma+ eShave-kiriyatayim, 6 amaHori+ entabeni yawo yeSehire,+ ukuya kutsho kwiEl-paran, esentlango. 7 Emva koko, bajika beza e-En-mishpati, oko kukuthi, eKadeshe,+ baza bawoyisa wonke ummandla wama-Amaleki+ kwanama-Amori+ awayehlala eHatsatson-tamare.+
8 Waphuma ke ukumkani waseSodom ematsha, kwanokumkani waseGomora, ukumkani waseAdima, ukumkani waseTsebhoyim, nokumkani waseBhela, oko kukuthi, eTsoware, baza bakha uluhlu lwedabi ukuze balwe nabo kwiNtlambo YaseSidim,* 9 ukuze balwe noKedolahomere ukumkani wase-Elam, uTidali ukumkani wamaGoyi, uAmrafele ukumkani waseShinare noAriyoki ukumkani wase-Elasare,+ ookumkani abane besilwa nabahlanu. 10 INtlambo YaseSidim* yayinemingxuma emininzi yebhitumene, yaye ukumkani waseSodom nowaseGomora bazama ukubaleka kodwa batshona kuyo. Abashiyekileyo babalekela kummandla weentaba. 11 Abo boyisileyo bemka nayo yonke impahla yaseSodom naseGomora nako konke ukutya kwalapho.+ 12 Bathatha noLote, unyana womntakwaboAbram, owayehlala eSodom,+ nempahla yakhe.
13 Emva koko indoda eyaqhweshayo yaya kuxelela uAbram umHebhere. Ngelo xesha wayehlala* phakathi kwemithi emikhulu kaMamre umAmori,+ umntakwaboEshkoli noAnere.+ La madoda ayenze isivumelwano noAbram. 14 Wathi uAbram akuva ukuba isizalwana sakhe*+ sithinjiwe, wakhawuleza waqokelela amadoda akhe aqeqeshiweyo, izicaka eziyi-318 ezizalelwe endlini yakhe, waza wabaleqa abahlaseli waya kufika kwaDan.+ 15 Ebusuku wawahlula umkhosi wakhe, yena nezicaka zakhe babahlasela baza baboyisa. Wabaleqa wayokufika eHobha, ekumntla weDamasko. 16 Wayibuyisa yonke impahla, wabuyisa kwanoLote isizalwana sakhe, impahla yakhe, amabhinqa kunye nabanye abantu.
17 Emva kokuba uAbram ebuyile ekoyiseni uKedolahomere nookumkani ababekunye naye, ukumkani waseSodom wayokudibana naye kwiNtlambo YaseShave,* oko kukuthi, iNtlambo Kakumkani.+ 18 UMelkitsedeki+ ukumkani waseSalem+ wazisa isonka newayini; wayengumbingeleli wOyena Thixo Uphakamileyo.+
19 Emva koko wamsikelela wathi:
“Makasikelelwe uAbram ngOyena Thixo Uphakamileyo,
UMenzi wezulu nomhlaba;
20 Yaye makadunyiswe Oyena Thixo Uphakamileyo,
Obanikele kuwe abacinezeli bakho!”
Ngoko uAbram wamnika isishumi sayo yonke into.+
21 Emva koko ukumkani waseSodom wathi kuAbram: “Ndinike abantu,* wena uthathe impahla.” 22 Kodwa uAbram wathi kukumkani waseSodom: “Ndiyasiphakamisa isandla sam ukuze ndifunge kOyena Thixo Uphakamileyo, uYehova, uMenzi wezulu nomhlaba, 23 ukuba andizukuthatha kwanto yakho, nokuba ngumsonto okanye ngumtya weembadada, ukuze ungathi, ‘Ndimenze isityebi uAbram.’ 24 Andizukuthatha kwanto ngaphandle koko sekutyiwe ngabafana. Kodwa wona amadoda ebehambe nam, uAnere, uEshkoli noMamre,+ mawazifumane izinto zawo.”