Levitikus
8 UYehova waphinda wathi kuMoses: 2 “Thatha uAron noonyana bakhe,+ uthathe izambatho,+ ioli yokuthambisa,+ inkunzi yenkomo yomnikelo wesono, iinkunzi zeegusha ezimbini nengobozi yesonka esingenagwele,+ 3 uze ubizele bonke abantu kumnyango wentente yokuhlangana.”
4 UMoses wenza kanye njengokuba uYehova wayemyalele, abantu baya kumnyango wentente yokuhlangana. 5 Wathi uMoses ebantwini: “Nantsi ke into uYehova asiyalele ukuba siyenze.” 6 Ngoko uMoses wasondeza uAron noonyana bakhe waza wabahlamba ngamanzi.+ 7 Emva koko wanxibisa uAron umwunduzo,+ wambhinqisa umbhinqo,+ wamnxibisa isambatho esingenamikhono,+ wamnxibisa iefodi+ waza wayibopha ngebhanti elihonjisiweyo+ le-efodi, wayibopha nkqi ngalo. 8 Emva koko wamfaka isingxobo*+ waza wafaka iUrim neTumim+ kuso. 9 Wamthwalisa entloko iqhiya yamadoda+ waza wabeka ipleyiti ekhazimlayo yegolide ngaphambili kuloo qhiya, eluphawu olungcwele lokuzinikela,*+ kanye njengokuba uYehova wamyalelayo uMoses.
10 Emva koko uMoses wathatha ioli yokuthambisa, wathambisa intente engcwele kunye nezinto zonke ezikuyo,+ wazenza ngcwele. 11 Kwangayo watshiza isibingelelo kasixhenxe waza wathambisa isibingelelo nempahla yaso yonke nesitya nesiphatho saso ukuze azenze ngcwele. 12 Ekugqibeleni wagalela enye yayo entlokweni ka-Aron, wamthambisa ukuze abe ngcwele.+
13 Emva koko uMoses wasondeza oonyana baka-Aron, wabanxibisa imiwunduzo, wababhinqisa umbhinqo, wabathwalisa isigqubuthelo* entloko,+ kanye njengokuba uYehova wamyalelayo uMoses.
14 Emva koko wazisa inkunzi yenkomo yomnikelo wesono, waza uAron noonyana bakhe babeka izandla zabo phezu kwentloko yaloo nkunzi yenkomo yomnikelo wesono.+ 15 UMoses wayixhela, wathi nkxu umnwe wakhe egazini+ waza wathambisa iimpondo zesibingelelo ngalo, wasicoca isibingelelo esonweni, kodwa igazi elishiyekileyo waligalela esisekweni sesibingelelo, ukuze asenze ngcwele aze ahlawulele isono kuso. 16 Akugqiba wathatha onke amanqatha asemathunjini, umhlehlo wesibindi, izintso zombini namanqatha azo, waqhumisa ngazo esibingelelweni.+ 17 Yonke into eshiyekileyo kwinkunzi yenkomo, isikhumba sayo, inyama yayo nomswane wayo wazitshisa ngomlilo ngaphandle kwenkampu,+ kanye njengokuba uYehova wamyalelayo uMoses.
18 Wasondeza inkunzi yegusha yomnikelo otshiswayo, waza uAron noonyana bakhe babeka izandla zabo phezu kwentloko yaloo nkunzi yegusha.+ 19 Emva koko uMoses wayixhela waza wafefa igazi layo macala onke esibingelelo. 20 Wayinqunqa waza waqhumisa ngentloko, amalungu namanqatha* ayo. 21 Wahlamba amathumbu namanqina ngamanzi, waqhumisa ngayo yonke inkunzi yegusha esibingelelweni. Yaba ngumnikelo otshiswayo onevumba elimnandi. Yaba ngumnikelo otshiswa ngomlilo oya kuYehova, kanye njengokuba uYehova wamyalelayo uMoses.
22 Emva koko wasondeza inkunzi yegusha yesibini, inkunzi yegusha yokumisela,+ waza uAron noonyana bakhe babeka izandla zabo phezu kwentloko yaloo nkunzi yegusha.+ 23 UMoses wayixhela waza elinye igazi layo waliqaba endlebeni yasekunene ka-Aron nakubhontsi wesandla sakhe sasekunene nakubhontsi wonyawo lwakhe lwasekunene. 24 Ukugqiba kwakhe wasondeza oonyana baka-Aron, waza wabaqaba ngelinye igazi ezindlebeni zasekunene nakoobhontsi bezandla zasekunene nakoobhontsi beenyawo zasekunene, kodwa igazi elishiyekileyo walifefa macala onke esibingelelo.+
25 Emva koko wathatha amanqatha, umsila otyebileyo, amanqatha onke asemathunjini, umhlehlo wesibindi, izintso zombini namanqatha azo nomlenze wasekunene.+ 26 Wathatha iqebengwana elirawundi elingenagwele lalinye kwibhaskithi yamaqebengwana angenagwele eyayiphambi koYehova,+ iqebengwana elirawundi lesonka esineoli lalinye+ nesonka esisicaba sasinye. Wazibeka phezu kwamanqatha nomlenze wasekunene. 27 Akugqiba wabeka zonke ezo zinto ezandleni zika-Aron nasezandleni zoonyana bakhe waza wazitshangatshangisa zaba ngumnikelo otshangatshangiswayo phambi koYehova. 28 Wazithatha uMoses ezandleni zabo, waqhumisa ngazo esibingelelweni phezu komnikelo otshiswayo. Zaba ngumbingelelo wokumisela wevumba elimnandi. Lowo yaba ngumnikelo otshiswa ngomlilo oya kuYehova.
29 Emva koko uMoses wathatha isifuba sale nkunzi yegusha yokumisela wasitshangatshangisa saba ngumnikelo otshangatshangiswayo phambi koYehova.+ Saba sisahlulo sikaMoses, kanye njengokuba uYehova wamyalelayo.+
30 Emva koko uMoses wathatha intwana yeoli yokuthambisa+ nentwana yegazi elalisesibingelelweni, watshiza ngazo uAron nezambatho zakhe noonyana bakhe nezambatho zoonyana bakhe ababekunye naye. Ngaloo ndlela wamngcwalisa uAron nezambatho zakhe noonyana bakhe+ nezambatho zabo.+
31 Wathi uMoses kuAron noonyana bakhe: “Yibiliseni+ inyama ngakumnyango wentente yokuhlangana, nize niyityele apho nesonka esisengobozini, kanye njengokuba ndayalelwayo kwathiwa, ‘UAron noonyana bakhe baza kuyitya.’+ 32 Inyama eshiyekileyo nesonka esishiyekileyo niza kuzitshisa ngomlilo.+ 33 Ningaphumi emnyango wentente yokuhlangana iintsuku ezisixhenxe, de ziphele iintsuku zokumiselwa kwenu, kuba ukumiselwa kwenu nibe ngababingeleli kuza kuthatha iintsuku ezisixhenxe.+ 34 UYehova uyalele ukuba senze ngale ndlela senze ngayo namhlanje ukuze zihlawulelwe izono zenu.+ 35 Niza kuhlala kumnyango wentente yokuhlangana imini nobusuku iintsuku ezisixhenxe,+ niyenze imisebenzi eniyinikwe nguYehova,+ ukuze ningafi, kuba ndiyalelwe ngaloo ndlela.”
36 UAron noonyana bakhe bazenza zonke izinto ezaziyalelwe nguYehova ngoMoses.