Levitikus
23 UYehova waqhubeka wathi kuMoses: 2 “Yithi kumaSirayeli, ‘Amatheko kaYehova amaxesha amisiweyo+ enifanele niwazise+ aziindibano ezingcwele. Ngamatheko am amaxesha amisiweyo:
3 “‘Ningasebenza iintsuku ezintandathu, kodwa usuku lwesixhenxe yisabatha yokuphumla ngokupheleleyo,+ indibano engcwele. Animele nenze naluphi na uhlobo lomsebenzi. Lumele lube yisabatha kaYehova naphi na apho nihlala khona.+
4 “‘Nanga amatheko kaYehova amaxesha amisiweyo, iindibano ezingcwele enifanele nizazise ngamaxesha azo amisiweyo: 5 Ngenyanga yokuqala, ngorhatya* kusuku lwe-14 enyangeni leyo,+ yiPasika+ kaYehova.
6 “‘Ngosuku lwe-15 lwale nyanga liTheko Lezonka Ezingenagwele elenzelwa uYehova.+ Kangangeentsuku ezisixhenxe nifanele nitye isonka esingenagwele.+ 7 Ngosuku lokuqala, niza kuba nendibano engcwele.+ Anifanele nenze nawuphi na umsebenzi onzima. 8 Kodwa nimele nizise umnikelo otshiswa ngomlilo oya kuYehova iintsuku ezisixhenxe. Ngosuku lwesixhenxe kuza kubakho indibano engcwele. Anifanele nenze nawuphi na umsebenzi onzima.’”
9 UYehova waqhubeka wathi kuMoses: 10 “Thetha kumaSirayeli uthi, ‘Xa ekugqibeleni nifika kwilizwe endininika lona yaye nivune isivuno salo, nimele nizise kumbingeleli isithungu sesivuno senu sokuqala.+ 11 Uza kusitshangatshangisa isithungu eso phambi koYehova ukuze namkeleke. Umbingeleli ufanele asitshangatshangise ngosuku olusemva kweSabatha. 12 Ngosuku lokutshangatshangiswa kwesithungu, nimele ninikele ngetakane legusha eliyinkunzi eliphilileyo elinonyaka omnye, libe ngumnikelo otshiswayo oya kuYehova. 13 Umnikelo wawo weenkozo uza kuba zizishumi ezibini ze-efa* zomgubo weflawa ocolekileyo oxutywe neoli, ube ngumnikelo otshiswayo oya kuYehova, ivumba elimnandi.* Umnikelo wawo oselwayo uza kuba sisahlulo sesine sehin* yewayini. 14 Nize ningatyi nasiphi na isonka, iinkozo ezigcadiweyo okanye iinkozo ezintsha de kube lolu suku, de nizise umnikelo kuThixo wenu. Lo ngumthetho oza kuhlala uhleli wazo zonke izizukulwana zenu, naphi na apho nihlala khona.
15 “‘Nimele nibale iisabatha ezisixhenxe ukususela kusuku olusemva kweSabatha, enizise ngalo isithungu somnikelo otshangatshangiswayo.+ Mayibe ziiveki ezipheleleyo. 16 Niza kubala iintsuku eziyi-50+ ukuya kusuku olusemva kweSabatha yesixhenxe, emva koko nizise kuYehova umnikelo omtsha weenkozo.+ 17 Kwiindawo enihlala kuzo nifanele nize nezonka ezibini eziza kuba ngumnikelo otshangatshangiswayo. Zifanele zenziwe ngezishumi ezibini ze-efa* yomgubo weflawa ocoliweyo. Zifanele zibhakwe zinegwele,+ njengesivuno sokuqala esiya kuYehova.+ 18 Ezo zonka nifanele nizizise kunye neenkunzi zamatakane egusha aphilileyo asixhenxe. Inkunzi yetakane nganye ifanele ibe nonyaka izelwe. Nifanele nizise nethole lenkomo eliyinkunzi elinye neenkunzi ezimbini zeegusha.+ Ziza kuba ngumnikelo otshiswayo oya kuYehova ohamba nomnikelo wokutya okuziinkozo nomnikelo oselwayo, zitshiswe njengomnikelo olivumba elimnandi* oya kuYehova. 19 Nimele ninikele netakane lebhokhwe libe linye njengomnikelo wesono,+ neenkunzi zamatakane egusha ezimbini, nganye ibe nonyaka izelwe, zibe ngumbingelelo wobuhlobo.+ 20 Umbingeleli uza kuzitshangatshangisa kunye nezonka zokuqala ezibhakiweyo, zibe ngumnikelo otshangatshangiswayo phambi koYehova, zona neenkunzi ezimbini zamatakane egusha. Zifanele zibe yinto engcwele kuYehova, zize zibe zezombingeleli.+ 21 Ngolu suku niza kwenza isaziso+ sokuba niza kuba nendibano engcwele. Animele nenze nawuphi na umsebenzi onzima. Lo ngumthetho oza kuhlala uhleli wazo zonke izizukulwana zenu, naphi na apho nihlala khona.
22 “‘Xa nivuna isivuno selizwe lenu, ningacokisi ukuvuna ekupheleni kwamasimi enu yaye ningacholacholi okuseleyo kwisivuno senu.+ Nifanele nishiyele ihlwempu*+ nomntu wasemzini.+ NdinguYehova uThixo wenu.’”
23 UYehova waqhubeka wathi kuMoses: 24 “Yithi kumaSirayeli, ‘Ngenyanga yesixhenxe, ngosuku lokuqala lwaloo nyanga, nifanele niphumle ngokupheleleyo, ibe sisikhumbuzo esiqala ngokuvuthelwa kwexilongo,+ indibano engcwele. 25 Animele nenze nawuphi na umsebenzi onzima, yaye nimele nizise kuYehova umnikelo otshiswa ngomlilo.’”
26 UYehova waqhubeka wathi kuMoses: 27 “Kodwa ke, usuku lweshumi kwakule nyanga yesixhenxe luza kuba luSuku Lokuhlawulela.+ Nifanele nibe nendibano engcwele, yaye nimele nizixhwalekise*+ yaye nizise kuYehova umnikelo otshiswa ngomlilo. 28 Animele nenze naluphi na uhlobo lomsebenzi ngolu suku kuba lusuku lokuhlawulela, ukuze nihlawulelwe+ kuYehova uThixo wenu. 29 Nabani na ongazixhwalekisiyo* ngolu suku uza kubulawa.+ 30 Ibe ndiza kumtshabalalisa kubantu bakowabo nabani na* owenza naluphi na uhlobo lomsebenzi ngolu suku. 31 Animele nenze naluphi na uhlobo lomsebenzi. Lo ngumthetho oza kuhlala uhleli wazo zonke izizukulwana zenu, naphi na apho nihlala khona. 32 Yisabatha eniza kuphumla ngokupheleleyo ngayo le, yaye niza kuzixhwalekisa*+ ngosuku lwesithoba lwaloo nyanga, ngokuhlwa. Nifanele niyigcine isabatha ukususela emva kokutshona kwelanga de liphinde litshone.”
33 UYehova waqhubeka wathi kuMoses: 34 “Yithi kumaSirayeli, ‘Ngosuku lwe-15 kule nyanga yesixhenxe liTheko Lamakhusi* leentsuku ezisixhenxe elenzelwa uYehova.+ 35 Ngosuku lokuqala kumele kubekho indibano engcwele, kwaye animele nenze nawuphi na umsebenzi onzima. 36 Kangangeentsuku ezisixhenxe nimele nizise kuYehova umnikelo otshiswa ngomlilo. Ngosuku lwesibhozo nifanele nibe nendibano engcwele,+ yaye nimele nizise kuYehova umnikelo otshiswa ngomlilo. Yindibano ekhethekileyo le. Animele nenze nawuphi na umsebenzi onzima.
37 “‘La ngamatheko kaYehova amaxesha amisiweyo+ enifanele niwachaze njengeendibano ezingcwele+ zokuzisa kuYehova umnikelo otshiswa ngomlilo: umnikelo otshiswayo,+ umnikelo wokutya okuziinkozo+ wombingelelo, neminikelo eselwayo+ ngokwamaxesha abekiweyo osuku. 38 Yongeza kwiminikelo eyenzelwa uYehova ngeesabatha,+ kwizipho,+ kwiminikelo yezifungo+ nakwiminikelo yokuzithandela,+ enifanele niyinike uYehova. 39 Kodwa ke, ngosuku lwe-15 kwinyanga yesixhenxe, xa niyiqokelele imveliso yelizwe, nifanele nenze itheko likaYehova iintsuku ezisixhenxe.+ Ngosuku lokuqala nangosuku lwesibhozo nifanele niphumle ngokupheleleyo.+ 40 Ngosuku lokuqala, niza kusebenzisa iziqhamo zemithi emikhulu, amagqabi emithi yesundu,+ namasebe emithi eshinyeneyo nemingcunube yasentlanjeni, yaye niza kuvuya+ phambi koYehova uThixo wenu iintsuku ezisixhenxe.+ 41 Eli theko niza kulenzela uYehova iintsuku ezisixhenxe ngonyaka.+ Lo ngumthetho oza kuhlala uhleli wazo zonke izizukulwana zenu, nifanele nilibhiyozele ngenyanga yesixhenxe. 42 Nifanele nihlale emakhusini* iintsuku ezisixhenxe.+ Yonke inzalelwane yamaSirayeli ifanele ihlale emakhusini,* 43 ukuze zazi izizukulwana zenu eziza kulandela+ ukuba amaSirayeli ndawahlalisa emakhusini* xa ndandiwakhupha elizweni laseYiputa.+ NdinguYehova uThixo wenu.’”
44 Ngoko uMoses wawaxelela amaSirayeli ngamatheko kaYehova amaxesha amisiweyo.