Duteronomi
22 “Ukuba ubona inkunzi yenkomo okanye igusha yomntakwenu ilahlekile, sukuyijonga nje.+ Umele nakanjani na uyibuyisele kumntakwenu. 2 Kodwa ukuba umnikazi wayo akahlali kufutshane nawe okanye awumazi, umele uyizise endlini yakho yaye umele uyigcine ade umnikazi wayo ayikhangele. Emva koko umele uyibuyisele kuye.+ 3 Ufanele wenze loo nto naxa ufumene idonki yomntakwenu, iimpahla zakhe okanye nantoni na yakhe elahlekileyo. Awumelanga uyijonge nje.
4 “Ukuba ubona idonki yomntakwenu okanye inkunzi yakhe yenkomo iwile endleleni, awumelanga uyijonge nje. Umele nakanjani na umncedise ayiphakamise.+
5 “Umfazi akafanelanga anxibe iimpahla zamadoda, nendoda ayifanelanga inxibe iimpahla zabafazi. Kuba nabani na owenza loo nto, uyenyanyeka kuYehova uThixo wenu.
6 “Ukuba uthe usahamba wathi gqi ngendlwane yentaka emthini okanye phantsi, inamantshontsho okanye amaqanda, yaye unina ehleli phezu kwamantshontsho okanye amaqanda, awumelanga uthathe unina kunye namantshontsho okanye namaqanda akhe.+ 7 Umele uqale umgxothe unina, emva koko ungawathatha amantshontsho okanye amaqanda. Uze wenze ngolo hlobo ukuze izinto zikuhambele kakuhle yaye uphile ixesha elide.
8 “Xa usakha indlu umele ulunyuse udonga eluphahleni,+ ukuze intsapho yakho ingabi netyala legazi ngenxa yomntu owileyo kuyo.
9 “Kwintsimi yakho yeediliya sukutyala olunye uhlobo lwembewu.+ Kungenjalo, sonke isivuno saloo mbewu uyityalileyo nesemithi yeediliya siza kuthathwa sisiwe kwindawo engcwele.
10 “Uze ungabophi inkunzi yenkomo nedonki xa ulima.+
11 “Uze unganxibi impahla eyenziwe ngoboya obuxutywe nelinen.+
12 “Ingubo yokwaleka umele uyenze ibe nemisonto edityanisiweyo kuzo zone iikona zayo.+
13 “Ukuba indoda iye yatshata umfazi, yabelana naye ngesondo yaza emva koko yamcaphukela,* 14 yamtyhola isithi uziphethe kakubi, ingcolise igama lakhe ngokuthi: ‘Ndiye ndamtshata lo mfazi, kodwa ndithe xa ndisabelana naye ngesondo andafumana bungqina bokuba akazange walala nandoda,’ 15 abazali bentombi bamele baye kubadala abasegeyithini yesixeko nobungqina bokuba le ntombi ayizange yalala nandoda. 16 Utata wale ntombi umele athi kubadala, ‘Le ndoda ndiyinike intombi yam ukuba ibe ngumfazi wayo, kodwa ngoku iyayicaphukela* 17 yaye iyityhola ngokuziphatha kakubi isithi: “Andifumananga nto ebonisa ukuba intombi yakho ayizange yalala nandoda.” Kodwa ke nabu ubungqina bokuba intombi yam ayizange yalala nandoda.’ Abazali baloo ntombi bamele balitwabulule elo laphu libubungqina phambi kwabadala besixeko. 18 Abadala besixeko+ baza kuyohlwaya loo ndoda.+ 19 Bamele bayihlawulise iishekele* zesilivere eziyi-100 baze bazinike utata waloo ntombi, kuba ingcolise igama lentombi yakwaSirayeli engazange yalala nandoda,+ yaye iza kuqhubeka ingumfazi wayo. Loo ndoda ayizukuvunyelwa ukuba iqhawule umtshato kunye nayo ubomi bayo bonke.
20 “Kodwa ke ukuba loo ndoda ithetha inyani, yaye abukho ubungqina bokuba loo ntombi ayizange yalala nandoda, 21 bamele bayise phambi komnyango wendlu katata wayo, yaye amadoda esixeko sakowayo amele ayibethe ngamatye ide ife, kuba yenze into elihlazo+ kwaSirayeli ngokwabelana ngesondo* ngoxa isahlala endlini katata wayo.+ Ngoko nimele nibususe ububi phakathi kwenu.+
22 “Ukuba kufunyenwe indoda ilele nomfazi wenye indoda, bobabini bamele bafe, loo ndoda kunye naloo mfazi.+ Nimele nibususe ububi kwaSirayeli.
23 “Ukuba intombi engazange yalala nandoda ingejiwe, ize idibane nenye indoda esixekweni, ilale nayo, 24 nize nibazise egeyithini yesixeko bobabini, nibabethe ngamatye bade bafe, kuba loo ntombi khange ikhale icele uncedo esixekweni, ibe yona loo ndoda ihlazise umfazi wommelwane wayo.+ Ngoko nimele nibususe ububi phakathi kwenu.
25 “Kodwa ke ukuba indoda idibana nentombi engejiweyo endle, ize iyoyise ngamandla, iyidlwengule, kumele kufe loo ndoda kuphela, 26 kodwa nize ningayenzi nto loo ntombi. Akukho nto iyenzileyo ifanelwe sisigwebo sokufa. Le nto ifana naxa umntu ehlasela omnye aze ambulale.+ 27 Kuba le ndoda idibene nayo endle, yaye le ntombi ingejiweyo iye yakhala, kodwa bekungekho mntu unokuyihlangula.
28 “Ukuba indoda idibana nentombi engazange yalala nandoda ibe ingangejwanga, iyinyanzele ukuba ilale nayo, baze babhaqwe,+ 29 loo ndoda iye yalala naloo ntombi imele inike utata waloo ntombi iishekele eziyi-50 zesilivere, ibe ngumfazi wayo.+ Ekubeni loo ndoda iye yayiphatha kakubi loo ntombi, ayivumelekanga ukuba iqhawule umtshato nayo ubomi bayo bonke.
30 “Indoda mayingatshati nomfazi katata wayo, ukuze ingamhlazisi.+