Duteronomi
20 “Ukuba nilwa imfazwe neentshaba zenu nize nibone ukuba amahashe azo, iinqwelo zazo zokulwa namajoni azo maninzi kunawenu, nize ningoyiki, kuba uYehova uThixo wenu owanikhupha eYiputa unani.+ 2 Ngaphambi kokuba niyokulwa, umbingeleli umele asondele aze athethe nabantu.+ 3 Umele athi kubo, ‘Mamelani maSirayeli, ngoku niza kulwa neentshaba zenu. Yibani nesibindi. Sanukoyika okanye nothuke okanye ningcangcazele ngenxa yazo, 4 kuba uYehova uThixo wenu uhamba nani ukuze anilwele kwiintshaba zenu aze anisindise.’+
5 “Namagosa amele athethe nabantu athi, ‘Ngaba ukhona umntu owakhe indlu kodwa ongekayivuli? Makabuyele endlini yakhe. Kungenjalo usenokufa emfazweni ize indlu yakhe ivulwe ngomnye umntu. 6 Ngaba ukhona umntu otyale intsimi yeediliya kodwa ongekayivuni? Makabuyele endlini yakhe. Kungenjalo usenokufa emfazweni ize intsimi yakhe ivunwe ngomnye umntu. 7 Ngaba ukhona umntu ongeje umfazi kodwa ongekamtshati? Makabuyele endlini yakhe.+ Kungenjalo usenokufa emfazweni aze loo mfazi atshatwe ngomnye umntu.’ 8 Amagosa amele aphinde ababuze abantu athi, ‘Ngaba ukhona umntu owoyikayo nongenasibindi?+ Makabuyele endlini yakhe, ukuze angenzi abantakwabo boyike njengaye.’+ 9 Xa amagosa egqibile ukuthetha nabantu, amele akhethe iintloko zemikhosi ukuze zikhokele abantu.
10 “Xa nisondela esixekweni eniyokulwa naso, nimele niqale nixelele abantu baso ukuba nibanika ithuba lokunikezela.+ 11 Ukuba bayavuma baze banivulele, bonke abantu abalapho baza kuba ngamakhoboka enu, banisebenzele.+ 12 Kodwa ukuba abafuni ukuba seluxolweni nani, baze basuke balwe, nimele nisirhangqe eso sixeko, 13 yaye nakanjani na uYehova uThixo wenu uza kusinikela kuni, ibe nimele niwabulale ngekrele onke amadoda akuso. 14 Kodwa ke ningabathatha abafazi, abantwana, imfuyo nazo zonke izinto zeso sixeko. Ningazisebenzisa+ zonke izinto enizithathileyo kweso sixeko kuba nizinikwe nguYehova uThixo wenu.+
15 “Nimele nenze loo nto kuzo zonke izixeko ezikude kakhulu kuni, ezingezizo ezeentlanga ezikufutshane nani. 16 Animelanga nishiye kwanto iphila kwizixeko zezi ntlanga uYehova uThixo wenu aninika zona ukuba nihlale kuzo.+ 17 Kunoko nimele nizitshabalalise ngokupheleleyo ezi ntlanga; amaHiti, ama-Amori, amaKanan, amaPerizi, amaHivi namaYebhusi,+ kanye njengokuba uYehova uThixo wenu eniyalele; 18 ukuze zinganifundisi izinto ezenyanyekayo ezizenzela oothixo bazo, zinenze nimone uYehova uThixo wenu.+
19 “Ukuba niye narhangqa isixeko nasithimba, emva kokulwa naso iintsuku ezininzi, nize ningayigawuli imithi yaso. Ningazitya iziqhamo zaloo mithi.+ Ngaba nimele nihlasele umthi ngokungathi ngumntu? 20 Ningatshabalalisa kuphela imithi enaziyo ukuba ayityiwa. Ningayigawula nize nenze izixhobo zokuhlasela isixeko esilwa nani, side siwe.