Yobhi
3 Kodwa ke nam ndinengqondo* njengani.
Anindodluli nganto.
Ngubani ongazaziyo ezi zinto nithetha ngazo?
Kaloku umntu olilungisa nongasolekiyo uba yinto yokuhlekisa.
5 Umntu ongenazingxaki uyijongela phantsi intlungu;
Ucinga ukuba ifanele abantu abangazinzanga.
6 Konwatyiwe kwiintente zootsotsi,+
Nabo bacaphukisa uThixo bakhuselekile,+
Abo babaphethe ngezandla oothixo babo.
7 Khawubuze izilwanyana, zikuxelele;
Kwaneentaka zezulu, zikuchazele.
9 Yeyiphi phakathi kwezi engaziyo
Ukuba le nto yenziwe sisandla sikaYehova?
16 Nguye onamandla nobulumko;+
Ngowakhe umntu olahlekayo nolahlekisayo;
17 Abacebisi ubahlazisa ngokubenza bahambe benganxibanga ezinyaweni,
Abenze izidenge abagwebi.+
19 Ababingeleli ubahlazisa ngokubenza bahambe benganxibanga ezinyaweni,+
Aze ababhukuqe abo bangagungqiyo kwizikhundla zabo;+
20 Ubenza baphelelwe ngamazwi abacebisi abathenjiweyo,
Aze awenze aphelelwe bubulumko amaxhego;*
Abenze buthathaka abanamandla;
22 Utyhila izinto ezinzulu ezisebumnyameni,+
Azise ithunzi elimnyama ekukhanyeni;
23 Unika iintlanga amandla, esenzela ukuzitshabalalisa;
Ukhulisa iintlanga, akugqiba azise ekuthinjweni.