Yobhi
13 “Ndiyibone ngamehlo am yonke le nto,
Ndiyive ngeendlebe zam ndayiqonda.
2 Nam ndiyazazi izinto enizaziyo;
Anindodluli nganto.
6 Khanindimameleni nam ndizithethelele,
Nindive xa ndizicengezela.
7 Niza kuthetha kakubi na egameni likaThixo,
Nize nimthethelele ngenkohliso?
9 Ukuba ebenokunigocagoca, beziza kunihambela kakuhle na izinto?+
Beniza kukwazi na ukumqhatha njengaxa niqhatha umntu?
11 Anizukoyikiswa na sisidima sakhe nje sisodwa,
Ningcangcazele kukumoyika?
12 Amazwi enu obulumko luthuthu nje;
Ukuzithethelela kwenu ludongwe nje oluqhekekayo.
13 Thulani ndithethe,
Emva koko makwehle eyehlayo!
14 Kutheni ndizifaka engozini,
Ndibubeka esichengeni ubomi bam?
15 Nokuba ebeza kundixabela, bendiza kumlinda,+
Ndizithethelele phambi kwakhe.
17 Wamamelisiseni amazwi am;
Zihoyeni izinto endizithethayo.
18 Jongani, ndikulungele ukuzithethelela;
Ndiyazi ukuba ndimsulwa.
19 Ngubani oza kuphikisana nam?
Ndingafa ukuba ndingathula!*
20 Owu Thixo, ndenzele nje ezi zinto zimbini,
Ukuze ndingazifihli kuwe:
22 Ndibize ukuze ndiphendule,
Okanye mandithethe, uze undiphendule.
23 Yintoni endiyenzileyo?
Ndixelele isono sam.
24 Kutheni ubufihla ubuso bakho+
Uze undibone ndilutshaba lwakho?+
25 Uza kothusana negqabi eliphephethekayo na,
Okanye uleqane neendiza ezomileyo?
26 Kuba uhlala ubhala izinto ezimbi ngam, undityhola,
Ibe undiphendulisa ngezono zobutsha bam.