17 “Umoya wam uphantsi, iintsuku zam ziphelile;
Ingcwaba lindilindile.+
2 Ndingqongwe ngabantu abandigezelayo,+
Ibe mna kufuneka ndihlale ndibukele ukusa kwabo.
3 Ndithembise ukuba uza kundixhasa.
Ndingathembela kubani ngaphandle kwakho?+
4 Kuba intliziyo yabo uyivimbe ubulumko;+
Yiloo nto bengaphumeleli.
5 Basenokwabelana nabahlobo babo ngezinto zabo,
Ngoxa abantwana babo besifa yindlala.
6 Undenze into yokuthukwa zizizwana,+
Ukuze zindithufele ebusweni.+
7 Ngenxa yeenzingo amehlo am awasaboni kakuhle;+
Ndide ndabhitya nokubhitya.
8 Amalungisa ayothuka xa endibona;
Abamsulwa bayakhathazeka yile nto yenziwa zizikhohlakali.
9 Ilungisa libambelela nkqi endleleni yalo,+
Nalowo umsulwa uya esiba namandla.+
10 Kodwa ke ningaphinda nibuye nindityhole,
Kuba andikaboni silumko apha phakathi kwenu.+
11 Iintsuku zam ziphelile;+
Amacebo am neminqweno yam iphasalakile.+
12 Ubusuku bathi yimini;
Bathi, ‘Obu bumnyama buthetha ukuba sekuza kusa.’
13 Ukuba ndiyalinda, ingcwaba liza kuba likhaya lam;+
Ndiza kwandlala ebumnyameni.+
14 Ndiza kukhwaza ingcwaba+ ndithi, ‘Ungutata!’
Ndithi kwiimpethu, ‘Mama nodadewethu!’
15 Liphi ke ithemba lam?+
Ngubani othi lisekhona?
16 Liza kuphelela engcwabeni,
Xa sisehla sonke sisiya eluthulini.”+