Hezekile
47 Le ndoda yandibuyisela kwindawo ekungenwa kuyo etempileni,+ ndabona amanzi ephuma ngaphantsi komgubasi wetempile esiya ngasempuma,+ kuba itempile yayijonge ngasempuma. La manzi ayesehla esuka ngaphantsi kwecala elingasekunene letempile, kumzantsi wesibingelelo.
2 Yandikhupha ngegeyithi yasemntla,+ sajikela saya kwigeyithi engaphandle ejonge empuma,+ ndabona amanzi empompoza evela kwicala lasekunene.
3 Le ndoda yaya ngasempuma iphethe intambo yokumeta,+ yameta iikubhite* eziyi-1 000 yaza yandingenisa emanzini, ibe ayebetha emaqatheni.
4 Yaphinda yameta iikubhite eziyi-1 000 yaza yandingenisa emanzini, ibe ayebetha emadolweni.
Yameta enye i-1 000 yaza yandingenisa emanzini, ibe ayebetha esinqeni.
5 Yameta enye i-1 000, kodwa ngoku ayengumlambo endandingakwazi ukudlula kuwo, kuba ayenzulu kangangokuba umntu wayemele adade, engumlambo ekungenakudlulwa kuwo ngeenyawo.
6 Yandibuza yathi: “Uyibonile na le nto, nyana womntu?”
Emva koko yandibuyisela ecaleni komlambo. 7 Ekubuyeni kwam ndabona imithi emininzi kakhulu macala omabini omlambo.+ 8 Yathi kum: “La manzi aya kummandla wasempuma, ehle aye eArabha*+ aze angene elwandle.+ Xa engena elwandle, amanzi olwandle aza kuphiliswa. 9 Kuza kunyakazela izinto eziphilayo apho adlula khona la manzi.* Kuza kubakho inyambalala yeentlanzi ngenxa yala manzi. Amanzi olwandle aza kuphiliswa, ibe apho ufika khona lo mlambo yonke into iza kuphila.
10 “Abalobi baza kuma elunxwemeni lwalo ukusuka e-Engedi+ ukuya e-En-eglayim, apho kuza kubakho iindawo zokwaneka iminatha erhuqwayo. Kuza kubakho iindidi ngeendidi zeentlanzi njengakuLwandle Olukhulu.*+
11 “Yona imigxobhozo yalo ayizukuphiliswa. Iza kuhlala inetyiwa eninzi.+
12 “Kuza kukhula zonke iintlobo zemithi eneziqhamo ezityiwayo* macala omabini omlambo. Amagqabi ayo akazukubuna, neziqhamo zayo azizukuphela. Nyanga nganye iza kuthwala iziqhamo ezitsha, kuba amanzi ayo aphuma kwindawo engcwele.+ Iziqhamo zayo ziza kuba kukutya, wona amagqabi ayo abe ngawokuphilisa.”+
13 Ithi iNkosi enguMongami uYehova: “Nguwo lo umhlaba eniza kuwaba ube lilifa lezizwe eziyi-12 zakwaSirayeli, ibe yena uYosefu uza kufumana iziqwenga ezibini.+ 14 Uza kuba lilifa lenu, yaye nimele niwahlule ngokulinganayo.* Ndafunga ukuba ndiza kulinika ookhokho benu eli lizwe,+ yaye ngoku ndilinika nina* ukuba ube lilifa lenu.
15 “Nanku ke umda welizwe kwicala lasemntla: Usuka kuLwandle Olukhulu, ugudle iHetelon,+ iTsedadi,+ 16 iHamati,+ iBherota+ neSibrayim, ephakathi kweDamasko neHamati, uyokutsho eHatsere-hatikon, engakumda waseHawuran.+ 17 Ngoko ke umda uza kusuka elwandle uye eHatsare-enon,+ wayame umda osemantla kweDamasko nowaseHamati.+ Ngumda wasemntla ke lowo.
18 “Icala lasempuma lisuka phakathi kweHawuran neDamasko, ligudle iYordan phakathi kweGiliyadi+ nelizwe lakwaSirayeli. Umele umete ukususela emdeni ukuya kulwandle lwasempuma.* Ngumda wasempuma ke lowo.
19 “Umda wasemzantsi* uza kusuka kwaTamare uyokutsho kumanzi aseMeribhati-kadeshe,+ ugqithele eNtlanjeni* nakuLwandle Olukhulu.+ Ngumda wasemzantsi* ke lowo.
20 “Kwicala lasentshona umda uza kususela kuLwandle Olukhulu ukuya kummandla ongqamene neLebho-hamati.*+ Ngumda wasentshona ke lowo.”
21 “Nimele nabelane ngeli lizwe ngokwezizwe eziyi-12 zakwaSirayeli. 22 Nimele nilabe njengelifa lenu nelabantu basemzini abahlala nani baza baba nabantwana ngoxa behlala nani; nimele nibaphathe njengeenzalelwane zakwaSirayeli. Bamele bafumane ilifa phakathi kwezizwe zakwaSirayeli. 23 Nimele nimnike ilifa umntu wasemzini kumhlaba wesizwe ahlala kuwo,” itsho iNkosi enguMongami uYehova.