Hoseya
4 Ndamtsala ngeentambo zobubele,* ngeentambo zothando;+
Kuye ndandinjengomntu osusa idyokhwe entanyeni yakhe,
Yaye ndathantamisa xa ndandinika ngamnye ukutya.
5 Akazukubuyela kwilizwe laseYiputa, kodwa iAsiriya iza kuba ngukumkani wakhe,+
Kuba walile ukubuyela kum.+
6 Ikrele liza kugqugqisa kwizixeko zakhe+
Lize ligqibe imivalo yakhe, limqwenge ngenxa yamaqhinga akhe.+
7 Abantu bam bakhetha ukungathembeki kum.+
Nangona bebabizela phezulu,* akukho namnye ophakamayo.
8 Ndingathini ukukuncama, Efrayim?+
Ndingathini ukukunikezela, Sirayeli?
Ndingathini ukukuphatha njengeAdima?
Ndingathini ukukwenza ube njengeTsebhoyim?+
Intliziyo yam itshintshile;
Kwangaxeshanye, usizi lwam luyavutha.+
9 Andizukuwukhupha umsindo wam.
Andizukuphinda ndimtshabalalise uEfrayim,+
Kuba ndinguThixo andingomntu,
Lowo Ungcwele phakathi kwakho;
Yaye andizukukuhlasela ndinomsindo.
10 Uza kuhamba emva koYehova, yaye uza kugquma njengengonyama;+
Xa egquma, oonyana bakhe baza kungcangcazela bevela entshona.+
11 Uza kungcangcazela oku kwentaka xa ephuma eYiputa,
Njengehobe liphuma kwilizwe laseAsiriya;+
Yaye ndiza kumhlalisa ezindlini zakhe,” utsho uYehova.+
Kodwa uYuda usahamba noThixo,
Ibe uthembekile kuLowo Ungcwele.”+