Eyesibini YeziKronike
28 UAhazi+ wayeneminyaka eyi-20 xa waba ngukumkani, ibe walawula iminyaka eyi-16 eYerusalem. Akazange enze izinto ezilungileyo emehlweni kaYehova njengokhokho wakhe uDavide.+ 2 Kunoko, wenza izinto ezenziwa ngookumkani bakwaSirayeli,+ wada wenza ooBhahali abayimifanekiso yesinyithi.+ 3 Yena waqhumisa umbingelelo kwiNtlambo Yonyana KaHinom* yaye wabatshisa oonyana bakhe emlilweni,+ esenza izinto ezenyanyekayo ezazisenziwa ziintlanga+ awazigxothayo uYehova phambi kwamaSirayeli. 4 Waqhubeka ebingelela, eqhumisa nemibingelelo kwiindawo eziphakamileyo,+ ezindulini naphantsi kwayo yonke imithi eluhlaza.+
5 Ngoko uYehova uThixo wakhe wamnikela kukumkani waseSiriya,+ kangangokuba wamoyisa waza wathatha abantu abaninzi abangabathinjwa, wabazisa eDamasko.+ Wanikelwa nakukumkani wakwaSirayeli, owabulala abantu abaninzi gqitha. 6 Kuba uPeka+ unyana kaRemaliya wabulala kwaYuda amadoda angamakroti ayi-120 000 ngemini enye, kuba aye amshiya uYehova uThixo wookhokho bawo.+ 7 Yena uZikri, ikroti lakwaEfrayim, labulala uMahaseya unyana kakumkani, uAzerikam owayephethe indlu kakumkani noElikana owayengowesibini kukumkani. 8 AmaSirayeli athimba nabantakwabo abayi-200 000, kuquka abafazi, oonyana neentombi; oxutha nezinto zabo ezininzi, azizisa eSamariya.+
9 Kodwa apho kwakukho umprofeti kaYehova ogama linguOdedi. Wahamba wayokuhlangabeza umkhosi owawusiza eSamariya, wathi kuwo: “Jongani! Kwakungenxa yokuba uYehova uThixo wookhokho benu wayenomsindo kuYuda, le nto wamnikela kuni,+ kwaye nina niye nambulala ngenkohlakalo efikelela emazulwini. 10 Yaye ngoku nifuna ukwenza abantu bakwaYuda nabaseYerusalem izicaka nezicakakazi zenu.+ Kakade aninatyala na kuYehova uThixo wenu? 11 Ngoku ndimameleni nize nibuyisele abantu enabathimba kubazalwana benu, kuba nimcaphukisa kakhulu uYehova.”
12 Ngenxa yale nto, ezinye iintloko zakwaEfrayim, uAzariya unyana kaYehohanan, uBherekiya unyana kaMeshilemoti, uYehizekiya unyana kaShalum noAmasa unyana kaHadelayi, baya kunqanda abo babevela emfazweni, 13 bathi kubo: “Sanukubazisa apha abathinjwa, kuba le nto iza kusenza sibe netyala phambi koYehova. Le nto nicinga ukuyenza iza kongeza kwizono zethu nakwityala lethu, kuba selilikhulu kakade ityala esinalo yaye uSirayeli umcaphukise kakhulu.” 14 Ngoko amajoni axhobileyo adlulisela abathinjwa nezinto abazoxuthayo+ kwiinkokheli nakulo lonke ibandla. 15 Emva koko amadoda awabizwa ngamagama aphakama, anceda abathinjwa, ngokunika bonke ababehamba ze phakathi kwabo impahla abayithatha kwizinto ababezoxuthile. Babanxibisa, babanika iimbadada, ukutya, into eselwayo namafutha okuthambisa ulusu lwabo. Babakhwelisa kwiidonki bonke abo babengenamandla baza babazisa eYeriko, isixeko semithi yesundu. Emva koko babuyela eSamariya.
16 Ngelo xesha uKumkani uAhazi wacela ookumkani baseAsiriya ukuba bamncede.+ 17 Kwakhona amaEdom amhlasela aza amxabela uYuda, emva koko emka nabathinjwa. 18 Wona amaFilisti,+ azihlasela izixeko zaseShefela+ nezaseNegebhi zakwaYuda, aza athimba iBhete-shemeshe,+ iAyalon,+ iGederoti, iSoko needolophu eziphantsi kwayo,* iTimna+ needolophu eziphantsi kwayo neGimzo needolophu eziphantsi kwayo, ibe ahlala apho. 19 UYehova wamthoba uYuda ngenxa kaKumkani uAhazi wakwaSirayeli, kuba wayeka kwabakho uvula-zibhuqe kwaYuda, owabangela ukuba abantu bangathembeki nyhani kuYehova.
20 Ekugqibeleni uTilegati-pilenesere+ ukumkani waseAsiriya weza kuye, waza wamphatha kabuhlungu+ kunokuba amncede. 21 Kuba uAhazi woxutha izinto zendlu kaYehova, ezendlu kakumkani+ nezezindlu zeenkosana, wazipha ukumkani waseAsiriya, kodwa loo nto ayimncedanga nganto. 22 Ngoxa wayekhathazeke kakhulu, uKumkani uAhazi waya engathembeki nakakhulu kuYehova. 23 Waqalisa ukubingelela koothixo baseDamasko+ ababemoyisile,+ ibe wathi: “Ngenxa yokuba oothixo bookumkani baseSiriya bebanceda, ndiza kubingelela kubo ukuze bandincede nam.”+ Kodwa babangela ukuba yena naye wonke uSirayeli bakhubeke. 24 Ukongeza, uAhazi waziqokelela izinto zendlu yoThixo wokwenene; waziqhekeza zaziingceba izinto zendlu yoThixo wokwenene.+ Wazivala iingcango zendlu kaYehova,+ waza wazenzela izibingelelo kuzo zonke iikona zaseYerusalem. 25 Kuzo zonke izixeko zakwaYuda, wenza iindawo eziphakamileyo zokuqhumisa imibingelelo kwabanye oothixo,+ ibe wamcaphukisa uYehova uThixo wookhokho bakhe.
26 Enye imbali nazo zonke izinto awazenzayo, ukususela ekuqaleni ukuya kutsho ekugqibeleni, zibhalwe eNcwadini YooKumkani BakwaYuda NabakwaSirayeli.+ 27 UAhazi walala kookhokho bakhe, ibe bamngcwabela kwisixeko saseYerusalem. Zange bamzise kwindawo yokungcwaba ookumkani bakwaSirayeli.+ UHezekiya unyana wakhe waba ngukumkani endaweni yakhe.