Zekariya
9 Isigwebo:
“Ilizwi likaYehova lichasene nelizwe laseHadraki,
Kuba ilihlo likaYehova lisebantwini+
Nakuzo zonke izizwe zakwaSirayeli.
Yazifumbela isilivere njengothuli
Negolide njengomhlaba osezitratweni.+
4 Jonga! UYehova uza kuzoxutha izinto zayo,
Awuxabele uyokutshona elwandle*+ umkhosi wayo;
Ibe iza kudliwa ngumlilo.+
5 IAshkelon iza kuyibona loo nto, yoyike;
IGaza iza kugcuma ziintlungu,
Ne-Ekron, ngenxa yokuhlaziswa kwethemba layo.
Ukumkani waseGaza uza kutshabalala,
NeAshkelon ayizukuba nabantu abahlala kuyo.+
7 Ndiza kuzikhupha izinto ezingcoliswe ligazi emlonyeni wakhe
Nezinto ezenyanyekayo emazinyweni akhe.
Nabani na oshiyekileyo uza kuba ngokaThixo;
Uza kuba njengenkosi kwaYuda,+
Ne-Ekron ibe njengomYebhusi.+
8 Ndiza kumisa inkampu ngasendlini yam ukuze ndiyigade,+
Ukuze kungabikho mntu udlulayo nobuyayo.
Akukho nduna iza kuphinda idlule,*+
Kuba ngoku ndizibonele* ngamehlo am.
9 Vuya kakhulu, ntombi yaseZiyon.
Khwaza kuba woyisile, ntombi yaseYerusalem.
Jonga! Nanko ukumkani wakho esiza kuwe.+
Ulilungisa, uza nosindiso,*
Uthobekile+ yaye ukhwele idonki,
Ithole eliyinkunzi, inkonyane yemazi yedonki.+
10 Ndiza kuyoxutha inqwelo yokulwa kwaEfrayim
Nehashe eYerusalem.
Isaphetha semfazwe siza koxuthwa.
Uza kuvakalisa uxolo ezintlangeni;+
Uza kulawula ukusuka elwandle ukuyokutsho elwandle,
Ukusuka eMlanjeni* ukuyokutsho kwezona ndawo zikude emhlabeni.+
11 Wena mfazi, ngegazi lesivumelwano sakho,
Ndiza kuwakhupha amabanjwa akho emngxunyeni ongenamanzi.+
‘Ndiza kukubuyekeza ngokuphindwe kabini, wena mfazi.+
13 Kuba ndiza kumgoba* uYuda abe sisaphetha sam.
Ndisigcwalise isaphetha ngoEfrayim;*
Ndiza kubavusa oonyana bakho, Ziyon,
Bahlasele oonyana bakho, Grisi;
Ndiza kukwenza ube njengekrele lekroti, Ziyon.’
14 UYehova uza kubonakala ukuba ukunye nabo,
Notolo lwakhe luza kuphuma njengombane.
INkosi enguMongami uYehova iza kuvuthela uphondo,+
Iphume ngezaqhwithi zomoya wasemzantsi.
Baza kuvuya, bangxole, ngokungathi basele iwayini;
Yaye baza kugcwala njengesitya sesibingelelo,
Njengeekona zesibingelelo.+
16 UYehova uThixo wabo uza kubasindisa ngaloo mini
Njengomhlambi wabantu bakhe;+
Kuba baza kuba njengamatye odidi esithsaba amenyezela phezu komhlaba wakhe.+
Ukutya okuziinkozo kuza kubenza baphumelele abafana,
Newayini entsha izenze ziphumelele iintombi ezingazange zalala nandoda.”+